Bonelisana etyholweni abantu abangenamakhaya 

Ngu Karabo Rammutla

Iqela labahlali abangenandawo zokufihla intloko lijike layinkathazo kuluntu lwengingqi yaseNellmapius eMamelodi njengoko besabelana  ngesondo ematyholweni angqonge lendawo.

Ababahlali banyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo emva kwezikhukhula ezonakalisa amakhaya wabo e-Eerstefabrieh squatter camp eMamelodi kwiminyaka emine eyadlulayo. Bathathwa babekwa kwiholo yoluntu iNellmapius Community Hall.  

Nangona kukhona iindawo ezohlukeneyo zokuhlala amadoda kunye namanina, izithandani zibhenele ekubeni zenze inkonzo yasekamereni ematyholweni angaphandle kwale holo.  

Ngelixa ababahlali bafuduswayo besithi abanayo enye indlela, abahlali baseNellmapius abalugcwabevu ngumsindo babanga ngelithi abantwana babona izinto ezingafanelekanga ukuba bazibone.  

Samsung Galaxy 14G

Ukuhlaliswa kwabo kwiholo yoluntu kwakufanele ukuba kube yinto yexeshana ngelixa isixeko saseTshwane sikhangela iindlela zokuba bafumane isizombululo sezindlu zesigxina. Kodwa ngoku ababahlali baphelelwe lithemba sele bebona iholo iyindawo yabo yokuhlala yesigxina.  

“Ndingumama otshatileyo, kwaye ndandinekhaya,” utshilo uNikiwe Skhosana. “Ngoku ukuba ndifuna ukuzonwabisa neqabane lam, kufuneka ndiqeshe umkhukhu kwindawo yamatyotyombe ekufutshane. Abanye abantu abanayo lomali, kwaye babhenele ekubeni basebenzise amatyholo.” 

Uthe urhulumente uboxuthe isidima sabo.  

“Akukho mntu usihloniphayo apha, kwaye kungenxa yorhulumente ongakhathaliyo.” 

Umhlali walommandla uSibongile Kekana umemelele ukususwa okukhawulezayo kwababahlali bangena makhaya kule holo.  

“Ayikokuba singasakwazi kusebenzisa iholo, kodwa bebelana ngesondo emva kweyadi zethu. Abantwana bethu babona izinto zabantu abadala,” utshilo.  

Uthe ubecinga ukuba ababantu bangenamakhaya basebenzisa lendlela yokuziphatha njengecebo lokunyanzelisa ukuba basiwe kwindawo ezingcono.  

“Abanye babo banako ukuqesha izindlu zokuhlala, kodwa kuba bafuna izindlu zesigxina, bakhetha ukuhlala eholweni ukuze urhulumente abasuse ngokukhawuleza,” utshilo.  

“Kodwa into abayilibalayo kukuba urhulumente akasakhathali kwaphela. Ababntu bayingxaki kuthi ngoku.” 

Kwimbalelwano ekhutshwe sisixeko saseTshwane kunye nesebe lozinziso loluntu eRhawutini ithi, abahlali mababe nomonde njengoko isixeko sisebenzela ukunceda abo bachatshazelwe ziimpuphuma.  

Isebe lidwelise iingxaki ezikhoyo kwinkqubo yokufuduswa kwabantu eziquka ukungafumaneki komhlaba ofanelekileyo, ukunqongophala kwezimali, ukukhula ngokukhawuleza kwendawo zelokishi, ukuthathwa komhlaba kamasipala ngokungekho mthethweni ingakumbi kwindawo ezinomgcipheko wokukhukhuliseka kunye nekqubo eba yingxaki yokuthethathethana nabahlali.  

Bathi ziyenziwa iinzame zokukhawulezisa lenkqubo kunye nokufakelwa kwemali eyongezelelweyo.  

Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseNellmapius bafuna basuswe ngokukhawuleza abahlali abangena makhaya abahlala kwi holo yabo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla