
Ngu Karabo Rammutla
Nangona ibisina ngamandla imvula, imvakalelo yabalandeli beqela leSundowns ivakele yomelele nangakumbi njengoko bebevalelisa kothandiweyo wabo obeligosa lezonxibelelwano uAlex Shakoane.
UShakoane obephethwe sisifo sokoma (iStroke) ixesha elide, usweleke kwiveki ephelileyo, eshiya ubuhlungu kwintliziyo zosapho lwakhe, abahlobo kunye neSundowns.
Umngcwabo wakhe ubuzinyaswe ziziphathamandla eziphezulu ezifana no Patrice Motsepe, inkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini uPanyaza Lesufi, abadlali bebhola abaziwayo kunye nabasebenzi bamaqela ebhola ohlukeneyo kuquka noBobby Motaung we Kaizer Chiefs.
Kodwa lomngcwabo ubunento eshiye abantu bejongana ngamehlo, emva kokuba lowo obesakuba ligosa lonxibelelwano nemisebenzi yasesidlangalaleni yeqela leKaizer Chiefs uLouis Tshakoane ethathwe ngamapolisa kafutshane nje emva kwentetho yakhe.
Ubanjelwe ubuqhophololo emva kokubaleka ukubanjwa ngamapolisa kuleminyaka mine idlulileyo.
Isithethi ngasinye esingene eqongeni besithetha ngoShokoane obenothando olunzulu lwemidlalo yebhola, kunye nokuthembeka obekungagungqi ngakwiqela leSundowns.
Ethetha ngotata wakhe, uLerato Shakoane uvakalise ukudandatheka kukubona utata wakhe owayesoloko edlamkile kwaye enamandla egcuma zintlungu.
Uthe,”bekunzima kakhulu. Utata wam ubengumntu owomeleleyo, kwaye bekunzima kakhulu ukubona umntu obenamandla ngoluhlobo, ethanda imidlalo umbone ukuba waphukile kwaye elila iinyembezi.”
ULerato uphinde wonwabela iinkumbulo zokuchitha ixesha lekhrismesi notata wakhe, exelela inginginya yabantu ngokuba oku bekuthetha ntoni kubo belusapho.
Bebengazi ukuba izakuba yikhrismesi yokugqibela bekunye njengoko wahlaselwa sisifo sestroke kwintsuku ezimbini emva kwekhrismesi umhla wamashumi amabini anesixhenxe.
Lowo obesakuba ngusihlalo uPatrice Motsepe ubalule intlonipho ebenayo ngaku Shakoane ngenxa yokuba ubesoloko engumntu obambelele kwingcingane eyakhayo.
UMotsepe uthe, “Zange ndakhe ndamva nakanye uAlex ethetha into engakhiyo. Wayehleli ebona izinto ngendlela eyakhayo. Kungekho nto inokudambisa umoya wakhe. Wayengumntu osoloko ethetha ngothando nethemba. Ukuhlonipha yena kufanele sithandane.”
Abadlali ababedlalela eliqela nabadlali abakhoyo ngoku nabo babonakalise intlonipho, bevakalisa indlela abamazi ngayo uShokoane umva kokuzimanya kwabo neqela le Sundowns.
Bamchaze njengoyena mntu ubebanika intshisakalo, esoloko ebakhuthaza ukuba basoloko besenza izinto ngendlela egqibeleleyo ngaphakathi ebaleni nangaphandle kwebala lemidlalo.
Umfanekiso ongasentla: Inkonzo yomngcwabo
Imvelaphi yomfanekiso: NguKarabo Rammutla