Sibhenele kwishishini lokuthambisa inwele isithwalandwe saseNgcobo! 

Ngu Buziwe Nocuze

UYakheka Lisa waziva edikiwe kukulinda umsebenzi – ngako ke wagqiba kwelokuba aqalise ishishini lokuthambisa iinwele zamanina ebiza iR15 kuphela ngalomsebenzi.  

Kwinwele zabantu abamhlophe kulula ukuba amafutha afikelele kwintlonzi. Kodwa amanina amnyama anenwele ezomeleleyo kuye kubenzima ukuba amafutha afikelele kwintlonzi yabo.  

Amanina amaninzi aye afune ukuvuselela iinwele zawo ngamafutha kanye okanye kabini ngeveki, kodwa eyonanto inzima yile: amanina amaninzi amnyama akanabo abantu bokuwathambisa amafutha angene afikelele kwintlonzi yabo, noxa kunjalo abathandi kuphathwa nangubani na entloko.

Kulapho kanye angena khona uLisa.  

Esisithwalandwe kwizifundo zobuntatheli namaqonga eendaba sabona ikroba sagqiba kwelokuba sinikezele ngalenkonzo ngelona xabiso lifikelelekayo.  

“Sele iziveki ezimbini ngoku, kwaye ndiyabafumana abathengi benkonzo zam,” utshilo.  

“Ndigqibe kwelokuba ndingabahoyi abagxeki.” 

ULisa waseIreland eNgcobo kwiphondo leMpuma Kapa, uthe kudala esenza oku enceda osisibakhe kunye neqabane lakhe iminyaka.   

Uthe uyaqonda ukuba abantu abanayo imali eyaneleyo, ngako ke ubabiza iR15 kuphela ngenkonzo zakhe.  

“Abathengi bam soze bakhalaze ngenkonzo engonelisiyo kuba ndiyayazi into endiyenzayo,” utshilo uLisa.  

“Indoda eyenza lomsebenzi ayonto ingaqhelekanga. Sinamadoda asebenza kwivekile zokulungisa iinwele. Umahluko kukuba lo msebenzi ndiwenza esitalatweni.” 

ULisa ukholelwa ukuba abantu bayazivalela ngokwabo. 

“Banezakhono kodwa bayoyika ukuzibonakalisa kuba eminye imisebenzi ibonelwa abantu besini esithile, kodwa ezo zingcinga zamandulo,” utshilo.  

“Ndisebenzisa izitulo ezibini, esihlala izinto zokuthambisa kunye nesihlala abathengi bam. Emva kokuba ndigqibile ukubathambisa ndisebenzisa ikama encinci nebrush ukulungisa iinwele zabo.” 

ULiziwe Nkuntsu oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, uxhasa ishishini lika Lisa. “Ndiyonqena ukuthambisa iinwele zam, kwaye iqabane lam lisoloko likhalaza xa ndilicela ukuba lindincede. Ngoku soze ndiphinde ndimhluphe.” 

Indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ithi uLisa umncedile ngalomsebenzi. 

“Ndiyakonwabela ukubhatala iveki neveki kunokuba ndithambise inwele zeqabane lam. Ndiyakucaphukela ukwenza lomsebenzi,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: UYakheka Lisa osisithwalandwe seMpuma kweliphondo leMpuma Kapa uqale ishishini lokuthambisa iinwele zamanina kwidolophu yaseNgcobo  

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe