
Ngu Doreen Mokgolo
Njengoko ilizwe libuyiselwe kwisigaba sesithandathu sokucinywa kombane, ingakumbi ngexesha lokubanda kobusika, inkondekazi zaKwa-Thema zibhenela kulwazi abalufumana ebazalini babo ukuze bakwazi ukuqubisana nengqele ehlasimlisa umzimba.
Kuphele iintsuku ezisixhenxe abahlali abathile kwindawo yaKwa-Themba bengenawo umbane emva kokuba itransformer yabo ivele yabonakala iphuma umsi.
Njengoko uEskom ephinde wabuyisela isigaba sesithandathu sokucinywa kombane, abamhlakhulu bomeleleyo bangaba nelona cebo kwingxaki yokungabikho mbane.
USibongile Nkabinde ophila ngemali yenkam nkam wabelane neqonga leendaba iScrolla.Africa ngendlela abuyele ngayo kwindlela yokwenza izinto usapho lwakhe olwaluyisebenzisa kwisithuba seminyaka engamashumi asixhenxe eyadlulayo.
Ngorhatya, uSibongile ushushubeza imbiza (frying pan) azo ayina ngayo impahla zesikolo zabazukulwana bakhe abathathu. Behleli ekhitshini kufutshane nesitovu samalahle esitshisa malahle ukwenza shushu indlu yakhe yexesha lalemihla enamagumbi amane, usebensisa ezindlela zakudala zokwenza izinto.
Abantu abadala basekuhlaleni bazenzela amalahle abo ngokuxuba uthuthu L wamalahle abalikha kwisikhululo esidala sika loliwe kunye nomhlaba. Ukugcina umlilo uvutha ixesha elide baluxuba namalongwe. Ukukhanyisa ikhutshi lakhe uNkabinde usebenzisa ibhotile yeMayonnaise egcwaliswe amafutha, kwafakwa ilaphu elivalelwe ngesiciko lafikelela emafutheni elisetyenziswanjengesibane sokukhanyisa indlu yabo.
“Andifuni abazukulwana bam baye esikolweni ngempahla ezimdaka esishwabeneyo,” utshilo uNkabinde.
“Sijongene namaxesha anzima. Yonke into iyabiza. Ipakethi yamakhandlela amathandathu ixabisa amashumi amane eerandi, kodwa ihlala iintsuku ezimbalwa. Asinayo imali yokuwathenga.”
UMhlobo wakhe uNtombi Masilela naye wabelene ngesisombululo sakhe. Uku ayina iimpahla ezininzi ufaka amanzi abilileyo embizeni asebenzise lembiza ishushu uku ayina iimpahla.
“Sixhomekeke kwimali yenkam nkam. Kufuneka sifumane iindlela ezongayo zokuphila,” uchazile uMasilela. “Ezizakhono sazifumana koomama bethu.”
Ukuphila kwintlalo yexesha langoku, zange bacinge ukuba bayakuze banyanzeleke ukuba mabasebenzise iindlela zakudala. Noxa kunjalo, njengoko bejamelene nomceli mngeni wokucinywa kombane okuqhubayo, benza nantoni na ukuze kuqhubele phambile ubomi.
Ukanti bazimisele ukudlulisela ezindlela zokwenza izinto zakudala kulutsha lwalemihla, ukuqinisekisa ukuba ulwazi lwezinyanya zabo luyaphila.
Umfanekiso ongasentla: UNomthandazo Mathibela
Imvelaphi yomfanekiso: Doreen Mokgolo