
Ngu Zavela Makwabe
UKhululekani Justin Ngqeza ugwetywe iminyaka engamakhulu amabini anamashumi asibhozo ethothoza kwezimnyama izisele emva kokufunyaniswa enetyala lokudlwengula amanina namantombazana alishumi.
Ngethuba kuqhuba ityala lakhe elithathe iminyaka emithathu, umtshutshisi ufumanise indlela awayewaqhatha ngayo amanina uNgqeza, ebathembisa imisebenzi engekhoyo yokuba ngonobuhle abaziwayo, kuba efuna ukubadlwengula ngokungenalusini ematyholweni kunye nakwindawo zokulala ezingekho mgangathweni.
Lendoda ineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, yaseBulembu ngaphandle kwedolophu yaseQonce ityholwa ngokwenza amaxhoba ayo ahlawule ikhulu leeRandi ukuze abe yinxalenye yenkampani yakhe yobuxoki “iRaw Talent Models” ebathembisa ngokubenzela iziqinisekiso zodidi oliphezulu kunye nezivumelwano zemisebenzi yokuthengisa iimpahla zangasese ezizakubahlawula imali etshisiweyo.
Ukugwetywa kwakhe kwinkundla ephakamileyo eMakhanda kuthathe phantse iminyaka emithathu ukusukela ngosuku awaxelwa ngalo lixhoba lakhe lokuqala emapoliseni, zabe zifikela esiphelweni iintsuku zakhe zokwenza unothanda.
UNgqeza wabanjwa esingise eMthatha kanye emva kokuba ixhoba lakhe lokugqibela limxele emapoliseni, nalapho amapolisa ambamba kwinkqubo yokuvalwa komgaqo ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga kaCanzibe ngonyaka ka2020.
Ngokokutsho kweziphatha mandla, uNgqeza wayesenza lamayelenqe akhe phakathi konyaka ka2018 ukuya ngo2020 kwaye wakwazi ukudlwengula amanina namantombanzana alishumi aphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini ananye.
NgoMvulo, inkundla ephakamileyo yaseMakhanda imfumanise enetyala lokudlwengula amaxhoba akhe, hayi eKomani naseGqeberha kuphela kwiphondo leMpuma Kapa kodwa wawadlwengulela eSea Point nase Woodstock kwiphondo laseNtshona Kapa – amaxhoba akhe amathandathu aza ngaphambili avula amatyala emva kokubanjwa kwakhe.
Ijaji yenkundla ephakamileyo uJudge John Smith uwise isigwebo ngosuku olulandelayo, wamnika izigaba ezithathu zobomi entolongweni kunye neminyaka engamakhulu amabini anamashumi asibhozo ethothoza eziseleni ngokuthumba nokudlwengula.
Umkomishinala wamapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheleli Mene, ubize uNgqeza “njengendoda ekhohlakeleyo”, kwaye usamkele esisigwebo. Uqhwabele izandla “isakhono sophando olugqibeleleyo olubonakaliswe yi-ofisi yentloko yephondo kwicandelo lamatyala obundlobongela lwasemakhaya, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala olwaphulomthetho anento yokwenza nokwabelana ngesondo (Uphando lweSerial neElectronic Crime Investigation) ngokuqinisekisa ukuba isidlwengu esingenalusini kwaye esingenantloni sihlala ezisleni ubomi baso bonke”.
Umfanekiso ongadsentla: UKhulekani Justin Ngqeza
Imvelaphi yomfanekiso: Inkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika