
Ngu Celani Sikhakhane
Umphathiswa wezothutho nokhuseleko lwasekuhlaleni kwiphondo laKwaZulu-Natal utyholwa ngokubangela ingozi echaphazele izithuthi ezininzi ngokuqhuba ephantsi kwempembelelo zotywala abe ebengenayo imvume yoqhuba esosithuthi.
Ngokokutsho komthombo othembekileyo kurhulumente welaphondo, abantu abaliqela bafumene umonzakalo kulengozi ngelixa uSipho Hlomuka etshayisa isithuthi esiluhlaza sombuso kuhola wendlela uN3 Highway ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo.
Nangona iinzame zamagosa esebe lezothutho ibikukugcina lengozi ifihlakele, kuleveki ivakele.
Umbutho weDA eKZN awuchithanga xesha ukuvakalisa inkxalabo. Lombutho ubhale incwadi ubhalela inkulubaphathiswa yelaphondo Nomusa Dube Ncube, ubongoza ukuba aphehlelele uphando malunga nezityholo ngakuHlomuka zokuqhuba ephantsi kwempembelelp zotywala.
USharon Goosen, olilungu lekomiti yezothutho kumbutho weDA kwindlu yowisomthetho yaseKZN, utyhola ngelithi uHlomuka wagqiba kwelokuba aqhube isithuthi sombuso endaweni yokuba avumele umntu onelungelo lokuqhuba amqhubele.
Kwaye njengoko etyholwa ngokunxila ngethuba eqhuba, uHlomuka ubengazange afumane mvume yokuqhuba esisithuthi kwasekuqaleni!
“Siyi DA, sinyanzelisa uphando olukhawulezileyo ngalenyewe, sibona isenzo somphathiswa uHlomuka singabonakalisi nkathalo,” ubhale wenjenje uGoosen.
“Kwakhona, sibhalale isebe lezothutho, sibongoza ukuba likhuphe inkcukacha ezibanzi malunga nalengozi, njengoko kubonakala ukuba kwenziwe iinzame zokuyifihla kuba kukhuselwa uMphathiswa.”
UHlomuka, ngokwesiqu uzibekela bucala kwizityholo zombutho weDA, ezikhaba iintetho zokuba wayeyiqhuba ngokwakhe imoto, umile kwelithi wayethathe uhambo olwalamkelelike.
Ngelishwa ayikokokuqala osopolitiki bephondo laKwaZulu-Natal betyholwa ngokuqhuba bephantsi kwempembelelo zotywala okanye babandakanyeke ezingozini, kwiziganeko eziquka izithuthi zabo zomsebenzi.
Omnye umzekelo uquka ongasekhoyo owayesakuba ngumphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle uGqr Meshack Radebe, imoto yakhe eyaba ngunobangela wengozi enkulu eyashiya inkwenkwe eselula ingxwelerheke ngokumandla ngethuba isithuthi sakhe sitshayisana nesosapho lwexhoba kuhola wendlela uN3. Isithuthi sikaRadebe esiluhlaza sasiqhutywe ngesantya esiphezulu kakhulu.
Lowo wayesakuba lilungu lepalamente lombutho weEFF uPhillip Mhlongo ngomnye wabantu ababebandakanyeka kumatyala okuqhuba phantsi kwempembelelo zotywala, nangona wayebanga ngelithi wayesele iyeza lokukhohlela hayi utywala.
UMziwakhe Sibisi owayelilungu lepalamente lombutho iNational Freedom Party, wafunyaniswa nezohlwayo zentlawulo yusezindleleni engaphezu kwamawaka amahlanu eeRandi.
Umfanekiso ongasentla: Inkulu baphathiswa yephondo laseKZN uNomusa MaDube Ncube kunye nomphathiswa wezothutho nokhuseleko lwasekuhlaleni uSipho Hlomuka, kunye nobugoxo bengozi ekutyholwa ukuba ibangelwe ngumphathiswa (ekunene)
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter