
Ngu Songeziwe Mapukata
Imvula ibisina ngamandla ngosuku lwangeCawa kwidolophu yaseMthatha njengoko ilizwe belibhiyozela usuku loMama – ngeloxesha kanye phantsi kwityholo elikude kufuphi nohola wendlela uN2, imveku ibisilwela ubomi bayo.
Isikhalo salemveku sivakele kumqhubi weTaxi othe wasikwa yinimba wakuva esisikhalo, njengoko ibilahlwe kude kufuphi naseUltra City, isongwe ngengubo ezimanzi iqhaqhazela kukugodola.
Umsamariya olungileyo , USinobom Stumpa, osindise ubomi balemveku, uthe ebeqhuba esuka eChris Hani esiya kwinkaba yedolophu yaseMthatha kunye nomhlobo wakhe, ngethuba emisa kwindawo ekuhlanjwa kuyo izithuthi. Kulapho ave khona incoko phakathi kwabaqhubi beetaxi abathe beva isikhalo somntwana kodwa bayoyika ukuyojonga ukuba kwenzeka ntoni.
“Omnye wabaqhubi uthe ubeye kuzikhulula etyholweni ngethuba esiva isikhalo sosana. Ukhawuleze wabuyela kweligquba labaqhubi wabaxelela ngento ayivileyo, kodwa kubonakala ngathi sikhalo salemveku siye sisiba qatha kwabanzima ukungasithatheli ngqalelo.”
Khange acinge kabini, uStumpa ukuyokujonga kanye kulendawo kukhala kuyo usana.
“Ndithe ndakulibona olusana kwabe kubonakala ukuba sele kuqengqeleke iiyure ehleli phaya, malunga nentsimbi yesihlanu emalanga, bekusele kurhatyela ukumfumana kwam,” utshilo.
UStumpa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ngenxa yemvula enye yeengubo zolusana ibisele imanzi kwaye lugodola.
“Ndaya kuluthengela into yokutya, iPurity ndalutyisa ngaphambi kokuba ndiye nalo kwisikhululo samapolisa eCentral eMthatha ndiye kufaka ingxelo. Ndathi ndakufika bandikhapha ndaya kuthenga impahla zokulunxibisa noba zimbini kuba lwalunganxibanga.”
UStumpa wongeze ngelithi le ibiyimveku esencinci kakhulu kuba nenkaba ibisancamathele kulo.
Uthe amapolisa ahamba nalo ayakwisibhedlele saseMthatha ukuya kufumana ukuhlolwa impilo, kwaye emva koko baluthumela kwikhaya leenkedama Ikhwezi.
Isithethi samapolisa uwarrant Officer Majola Nkohli uthe akanokwazi ukuphawula kuba ingxelo ibingekafikeleli kwidesika yakhe, ivela kwisikhululo samapolisa ekuxelwe kuso esisiganeko.
Umfanekiso ongasentla: USinobom Stumba usindise imveku kwingqele nemvula yosuku looMama
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe