Imiceli mngeni kwezomculo yabangela asithele esidlangalaleni uSiphokazi 

Ngu Doreen Mokgolo

Emva kweminyaka engasabonakali esidlangalaleni, imvumi yomculo weAfro-soul uSiphokazi Maraqana ukulungele ukuthatha indawo yakhe kwicandelo lezolonwabo.  

Le mvumi yathatha ikhefu emehlweni abantu emva kokukhupha icwecwe layo lomculo lesibini ngonyaka ka2009 kwaye yohlukana nenkampani ebishicilela umculo wayo iEMI recording label, waqhuba isakhono sakhe somculo njengemvumi ezimeleyo.  

Kudliwano ndlebe olukhethekileyo neqonga leendaba iScrolla.Africa, lemvumi yafumana indumasi ngeculo elithi Amacala ithe ubomi bajika bakrakra kanye ngexesha wayecinga ukuba izinto ziyaqalisa ukumlungela.  

Xa ebuzwa ngobunzima ahlangabezebe nabo, uthe zininzi izinto ezenzekayo kubomi bakhe kwaye kuyo yonke lonto ezinye zezigqibo awazithathayo zange zimsebenzele, kwaye wayeziva ngathi ufuthamiselekile.  

Samsung Galaxy 14G

“Andifuni kunika ingqwalasela kwizinto ezidlulileyo kodwa ezinye zengxaki endandijamelene nazo ngexesha lokushicilelwa kwecwecwe lam lokuqala nelesibini phantsi kwenkampani iEMI ziyafana nemiceli mngeni ejamelene nemvumi ezintsha ezifikayo kwicandelo lomculo namhlanje kwaye zinento yokwenza namajelo eendaba.  

“Yayilixesha elinzima ebomini bam kodwa, kuba ndingumntu ozigcina kuye ingxaki zakhe, ndagqiba kwelokuba ndisuke emehlweni abantu. Ndandilila ndithandaza ngayo yonke into,” utshilo.  

Uthe zange ashiye kwicandelo lomculo. Wakhupha icwecwe lakhe lesithathu njengemvumi ezimeleyo ngonyaka ka2018, kodwa zange ithengise kakuhle njengecwecwe lakhe lokuqala nelesibini.  

Wongeze ngelithi akazisoli ngokuba ehlangabezene nexesha elinzima kuhambo lwakhe kuba ungcono kakhulu ngoku, uhlakaniphile kwaye womelele.  

“Ukuba bezingekho iintlungu nehambo nzima, ngendingenguye lomntu uhlakaniphileyo ndinguye namhlanje,” utshilo.  

Abalandeli bakhe bazakukhunjuzwa ngehambo yakhe kwicandelo lomculo kumsitho wakhe ozayo, othi The Timeless Music Encounter, ozakube ungenyanga yeThupha eCarnival City.  

Kungoku nje usebenza kwicwecwe lakhe elilandelayo. Akakagqibi nokuba lizakukhutshwa njengecwecwe elipheleleyo okanye ingoma ezizihambelayo.  

Umfanekiso ongasentla: Ngu Siphokazi Maraqana 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe