Adinga lonke uncedo anokulufumana amaxhoba empuphuma eNMB 

Ngu Anita Dangazele

Xa inetha itsho ngamandla – le yinyaniso ekrakra ebijamelene nabahlali baseNelson Mandela Bay ngempelaveki njengoko bebesilwela ukusindisa iimphahla zabo ebezizika emanzini ezikhukhula.  

Imvula ene ngamandla, nangona ibisamkelwa ngezandla ezishushu emva kwesomiso esonakalise okuninzi kulammandla, ibangele ukuba abantu abaninzi bafuduke beshiya amakhaya abo besiya kulalisa kumaholo asekuhlaleni nasezicaweni.  

Indawo yamatyotyombe eDongweni kwilokishi yaKwazakhele yeyona ndawo ihlaselwe ngamandla zimpuphuma. Yenye yendawo ezisemazantsi nto leyo yenza abahlali babesemngciphekweni wokuhlaselwa zizikhukhula.  

UPhunyezwa Mvunyiswa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, ongumama wamantombazana amabini uthe uninzi lweempahla zabo zilahleke kwizikhukhula. 

“Kubusuku baphezolo besilele phantsi kumgangatho obandayo weholo lasekuhlaleni; ifenitshala yethu, izinto zombane, ukutya kunye neempepha ezibalulekileyo zizike emanzini. Sidinga lonke uncedo esinokulufumana kuba asazi ukuba sizakuqhubeka njani nobomi emva kwalemeko,” utshilo.  

Uceba wakwa ward19 uGamelihle Maqula uthe esona sizathu sokuba kuzike imizi kukuba imibhobho echitha amanzi ibivalekile. 

“Ezi ibingezo zikhukhula, ibiyimvula ena ngamadla, kodwa hayi izikhukhula. Into eyenzekileyo kukuba eminye yemibhobho ehambisa amanzi xa kunetha, esiye sayicoca kubusuku baphezolo, sifumanise ukuba abantu bebelahla inkukuma ngaphezu kwalemibhobho ochitha amanzi,” utshilo uMaqula.  

“Ininzi into emdaka ibingaphakathi kulambhobho wokuchitha amanzi, imigqomo emdaka yokugcina inkukuma nezinye izinto ezimdaka.” 

lemvula ibenegalelo elibi kakhulu kubanye abahlali, kodwa yenze umahluko omkhulu kakhulu kwizinga lamanzi kumadami alommandla ubuthwaxwa sisomiso.  

Usodolophu womasipala iNMBM uRetief Odendaal uchulumance wathathiswa kwikhasi lakhe likaFacebook esabelana nabahlali ngeendaba zokonyuka kwezinga lamanzi kwidama iLoerie Dam elona dama lincinci elithatha amanzi aphuma kwidama elikhulu iKouga Dama liwazise eNMB.  

“Ngomvulo kwiveki ephelileyo (umhla wesibhozo) izinga lamanzi belime ku39,9%. Namhlanje lime ku94,07% kwaye ndinethemba lokuba lizakuqalisa ukuphuphuma kungekudala! Sonwabe kakhulu kwaye siyakubulela ukungena kwalamanzi!” ubhale wenjenje.  

UOdendaal uqhube esithi nangona beyonwabela imvula, isomiso asikapheli kwaye ulumkise abahlali ukuba basebenzise amanzi ngenkathalo.  

“Lemvula ayonelanga ukuba ibhangise kwaphela isomiso, kwaye uninzi lwayo khange lune kummandla wamadama aqokelela amanzi amaninzi kuthi, ine kakhulu kufutshane nonxweme lolwandle.  

“Ngako ke isomiso sisekhona. Ndibongoza bonke abahlali ukuba basebenzise amanzi ngononophelo.”  

Umfanekiso ongasentla: Umhlali ezama ukukhupha amanzi ukuze asindise iimoahla zakhe 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe