Abadlali abaqhuba iphupha leqela leGallants bake babekelwa bucala! 

Ngu Micheal Madyirha

Iqela leMarumo Gallants lizibonakalisile lothusa uninzi kwimidlalo yaseAfrika kule sizini njengoko lijonge ukudlala kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi kwiCAF Confederations Cup.  

Likhethe abadlali abanamava kwinkqubo yabo yokwakha iqela elibenze balelona qela loyikwayo kwiAfrika iphela.  

Eyona nto kufuneka iqatshelwe kukuba yathi iOrlando Pirates ne Mamelodi Sundowns xa zibekela bucala abanye babadlali babo ngexesha lasekwindla, iGallants yabathathela kuyo.  

Iqonga ledndaba iScrolla.Africa lijonga ncakasana abadlali abathi babekelwa bucala ngamaqela odumo.  

Samsung Galaxy 14G

UTshepo Gumede 

Lomdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesibini, udlala phakathi nasemva wahlala isizini enye kunye nesiqingatha sayo kwiqela lePirates phakathi konyaka ka2015 no2016, ngaphambi kokuba eliqela limkhulule.  

ULetsie Koapeng 

Lomdlali wangaphambili weGallants ngomnye wabadlali abasuka kwiqela lePirates, owahlala iminyaka emibini kweliqela.  

UMahlatse Makudubela  

Lomdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, ngomnye wabadlali abadala kwiqela leBahlabani ba Ntwa kwaye wachitha isizini yonyaka ka2016/2017 kwiqela lamaBuccaneer.  

UMpho Mvelase 

Lomdlali wasekunene ngasemva, uneminyaka engamashumi amathathu anesine, ngomnye wabadlali abanamava kwiqela leGallants, wayedlalela ingadla ngadla zase Soweto ukusukela ngonyaka ka2015 ukuya ngo2016. 

URiyaaz Nell 

Lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithathu, kuphela komdlali owayedlalela iPirates oneminyaka engaphantsi kwamashumi amathathu odlala kuBahlabana ba Ntwa.  

Wafika ngecandelo lophuhliso lweqela lePirates, wayesoloko ebakhona kubadlali abasesitulweni belinde ukungena xa kukhona umdlali ophumayo, kodwa wasokola ukufikelela kwiqela elingundoqo lePirates.  

ULucky Mohomi 

UMohomi wachitha isizini ezine nesiqingatha kwiqela leSundowns ngaphambi kokuba aye kwiSuper Sport, neVenda Academy kodwa uzimanye neGallants ekuqaleni kwale sizini.  

UKatlego Otladisa 

Lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu wakhulela eChloorkop, kwaye wadlalela iqela leSundowns engumdlali ongena xa kukhona umdlali okhutshwayo ngaphambi kokuba abolekise kumaqela ohlukeneyo ePSL, kodwa zange akwazi ukulenza ixesha kwiqela elingundoqo laMasandawana. 

UAbram Ngcobo 

UNgcobo wayengunozinti weSundowns ofana noOtlatsi, wafika ngecandelo lophuhliso lweSundowns kwaye wabolekisa kumaqela ohlukeneyo kwade kwaphela iminyaka yakhe emihlanu yokuhlala kwelaqela.  

USibusiso Khumalo 

Lomdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesibini wayeyinxalenye yeBrazillians phakathi konyaka ka2013 no2019, kodwa ixesha lakhe kweliqela lalonganyelwe kukubolekiswa kwiqela leMaritzburg United, iBidvest Wits, kunye neJomo Cosmos ngaphambi kokuba aphelele kwiGallants.  

UPule MAraisane 

UMaraisane washiya kwiSundowns xa kuphela isizini yokugqibela, emva kwesizini ezimbini ekwi Chloorkop.  

UIsmael Watenga 

Lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, waseUganda usengunozinti weqela leSundowns ohleli kwiGallants ngokubolekwa.  

Umfanekiso ongasentla: Umdlali wangaphambili weMarumo Gallants uLetsie Koapeng 

Imvelaphi yomfanekiso: Marumo Gallants