
Ngu Doreen Mokgolo
Uneminyaka emine kuphela, uLinani Potwana waseGqeberha kwiphondo leMpuma Kapa sele engusaziwayo odumileyo, kwaye uliphakamisela phezulu ngokuziqhenya ilizwe loMzantsi Afrika kwicandelo leFashoni eChina.
Ukonwabela ukuba ngusaziwayo oqaqambileyo, lomntwana unesakhono esimangalisayo sele ezimase iqonga lonobuhle ebonisa ifashoni kunye namagama amakhulu kwimveliso zefashoni.
Ukuqaqamba kukaLinani kubonakele ngokuchongwa ukuba abonise iimveliso zefashoni zakwa Dior’ kumsitho ophambili iParis Fashion Week kwicandelo labantwana ozakube ubanjelwe eBeijing – eyona nzuzo inkulu njengoko eqalisa ukungena kwiqonga lonobuhle ababonisa ngefashoni.
Njengoko ubukhazikhzi beParis Fashion Week ingowona msitho wokuqala ubalulekileyo kumsebenzi wakhe wokuba ngunobuhle, ibe ngumsebenzi wesibini kwimiboniso yefashoni kaLinani- eyonanto ibonakalisa indlela akhula ngokukhawuleza ngayo kwelicandelo.
Uhambo lwakhe olumangalisayo luqale ebutsheni balonyaka, ngethuba ethatha isigqibi esitshintshe ubomi bakhe ngokuya kuhlala kwilizwe laseChina kunye nomama wakhe, ongutitshala ohloniphekileyo wolwimi lwesingesi.
Kwingxoxo ayeze neqonga leendaba iScrolla.Africa eseChina, uZiyanda Potwana ongumama oziqhenyayo ngentombi yakhe uLinani, uxelele eliqonga ukuba emva kweminyaka emithathu yamahlandenyuka nobunzima, iphupha labo lokuhlala eChina lide laba yimpumelelo ngeyoMqungu kulonyaka.
“Ndaqaphela ngexesha lokuba sitsalelana umnxeba ngomboniso wevideo ukuba uyakuthanda ukucula, ukudanisa kunye nokuba ngunobuhle,”utshilo uZiyanda ebalisa ukuba wambhalisa njani uLinani kwizifundo zokudanisa ngaphambi kokuba baye kwelalizwe. Ukuba yinxalenye yesikolo somdaniso esemncinane kudlale indima enkulu khakhulu ukumnika umfutho wokuzithemba kwaye azazi xa eseqongeni.
Uthe akufika eChina, uZiyanda khange achithe xesha wambhalisa kwisikolo sonobuhle. ULinani washiya wonke umntu emangalisekile kunye nootitshala bakhe kwisifundo sakhe sokuqala, nto leyo yamenza ukuba achongwe ukuba abeyinxalenye yomboniso wefashoni ozakubanjwa ngempelaveki.
UZiyanda uthe uLinani waqala ukuzibandakanya kwezonobuhle ngenxa yothando nokuzonwabisa kuphela, akukho mntu waziyo ngegalelo elingaka ezakubanalo kubomi bobuntwana bakhe.
“Ngalo lonke ixesha ndisoloko ndizama ukuba makonwabe kwaye afumane indlela yokufunda izinto ezintsha kuba usengumntwana. Xa sisiya kwimisitho ndiyagxininisa ukuba kufuneka ayonwabele into ayenzayo, kunokuba ajonge ukuba kufuneka ayenze ngendlela egqibeleleyo,” utshilo uZiyanda egxininisa ukubaluleka kokugcina ubuntwana bakhe njengamntu othanda ukudlala.
“Ngamanye amaxesha ukuzilolonga kuyamongamela, kufuneke ukuba basithathe ikhefu siphumele ngaphandle ukuqinisekisa ukuba uyaphumla ngaphambi kokuba aqalise umsebenzi olandelayo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Linani Potwana
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe