Kusweleke abantu abasibhozo kwingozi yendlela eMthatha kweliphondo leMpuma Kapa 

Ngu Songeziwe Mapukata

Ngabantu abasibhozo abaphulukene nemiphefumlo yabo ngethuba kungquzulana izithuthi ezibini  zohlobo lweTaxi kuhola wendlela uN2 kwindawo yasemaKhaphetshwini ngaphandle kwedolophu yaseMthatha ngeCawa.  

Ixhoba lesibhozo lifunyaniswe ukuba liswelekile ukufika kwalo esibhedelele njengoko amanye asixhenxe eswelekele kwindawo yexhwayelo. 

Isithuthi sohlobo lweTaxi ebesivela kwicala lakuQumbu besidlula esinye isithuthi ukuze singquzulane nesithuthi ebesikhwelise abantu sivela ngaseMthatha, ngokokutsho kukaPhiwe Dumalisile othethe neqonga leendaba iScrolla.Africa njengomnye wabaqhubi abathe balibaziseka kulengozi.  

“Sichithe ixesha elingaphezu kweyure ezine indlela ivaliwe ngenxa yokuba bekufuneka kuqale kususwe imizimba yabantu evaleleke kwizithuthi ezibandakanyeke kulengozi,” utshilo ozibonele ngamehlo.  

Samsung Galaxy 14G

UDumalisile uthe bobabini abaqhubi bezithuthi bebevaleleke ngaphakathi kwizithuthi zabo ezifahlakileyo, kwaye abenkonzo zoncedo olungxanisekileyo bathathe ixesha ukuba bafike kwindawo yexhwayelo.  

Ekugqibeleni, bobabini ababaqhubi bade bakhutshwa kwezizithuthi.  

Enye yezithuthi ezibandakanyeka kulengozi iphantsi kwequmrhu lezithuthi zikawonke wonke eMthatha Uncedo Taxi Association ngelixa esinye siphantsi kwequmrhu iSibangweni Association.  

Isithethi sesebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa uUnathi Bhonqose uthe umphathiswa wesebe lezothutho kunye nokhuseleko lwasekuhlaleni uXolile Nqatha uthumele amazwi ovelwano kwintsapho zamaxhoba aphulukene nobimi bawo kulengozi.  

“Le ibe yeyona ngozi imasikizi kulempela veki. Siyayiqonda into yokuba iindlela zethu zimanzi kwaye zimtyibilizi kwaye akubonakali kakuhle,” utshilo uBhinqose.