Kuphela iminyaka isikhululo samapolisa eTshwane sisebumnyameni 

Ngu Karabo Rammutla

Igenerator abayisebenzisayo ayithembakali kuba ngamanye amaxesha iphelelwa ngamafutha  ezinzulwini zobusuku. Emini uyacinywa. Oku kubangela ukuba amapolisa angakwazi kugcwalisa iminxeba yawo okanye enze ikomityi yeti. 

Le yimpilo ephilwa kwisikhululo samapolisa iRietgat eSoshanguve kumantla esixeko saseTshwane, oko kwathi kwebiwa iintambo ezizisa umbane kwesisikhululo kwiminyaka emithathu eyadlulayo.  

Abahlali bayasokola ukuvula amatyala ngobusuku kuba kuyingozi kubo, ngelixa amapolisa esokola ukwenza umsebenzi wawo ngenxa yokungabikho kombane. Elinye ipolisa elicele ukuba lingadizwa lithe imeko iya inganyamezeleki nangakumbi njengoko kungena ubusika.  

“Kuyabanda kwaye asikwazi nokubasa izishushubezi. Akukho ti okanye ikofu imini yonke, kwaye asikwazi nokufudumeza ukutya kwethu,” itshilo eligosa.  

Eligosa lithe igenerator yabo ayikho nkulu ngokwaneleyo ukuba ikhanyise zonke izibane, kwaye ezinye izindlu zihlala zimnyama. “Ebusuku amagosa angamanina kufuneka aye eliqela kwindlu yangasese. Siyoyika kodwa abantu ekuhlaleni baxhomekeke kuthi,” utshilo.  

Itshantliziyo lasekuhlaleni uAsnath Molomo uthe kucacile ukuba amapolisa aphelelwe ngamathemba.  

“Ndisebenza namanina axhatshaziweyo, uthi nje usangena ube ubona iimbuso ezingonwabanga. Kunzima kuba silindele amapolisa ukuba abesemandleni elindele ukuncedisa amaxhoba olwaphulo mthetho,” utshilo.  

UMolomo uthe kukhangeleka ngathi lemeko izakuhlala inje naphakade. “Akukhonto incedisayo. Ndake ndazama ukutsalela umnxeba kwizindlu zomdibaniso, kodwa umnxeba kwathiwa mandilinde kwade kwaphela imali leyo ndanditsala ngayo umnxeba,” utshilo.  

Amaxhoba akafuni kuza kwesisikhululo samapolisa kuba kumnyama, kwaye abophuli mthetho bangabalandela. Endaweni yoko beza kumatshantliziyo afana nam.” 

Isithethi sesebe lemisebenzi karhulumente uThami Mchunu  uthe basifaka isicelo kwisixeko saseTshwane sokuba esisikhululo sifakelwe umbane. UMchunu uthe esisikhululo sasixhunywe kwisikhululo sikaloliwe saseMabopane.  

Kwathi kwakonakaliswa isikhululo sikaloliwe, iintambo ezihambisa umbane uye kwisikhululo samapolisa zabiwa. 

UMchunu uthe emva kweentlanganiso nenkonzo yesipolisa kwagqitywa kwelokuba amapolisa kufuneka afake isicelo kwisixeko saseTshwane ukuba afakelwe umbane ozinzileyo, kodwa ukuza kuthi ga ngoku akukhonto ibonakala ihambela phambili.  

Umfanekiso ongasentla: Amapolisa kwisikhululo iRietgat anyanzelela asebenza ngaphandle kombane iminyaka emithathu.