Ngu Anita Dangazele
Imvula ene ngamandla ibangele ukhukhuliseko olushiye uluntu lungenamakhaya kwimimandla emininzi kumasipala iNelson Mandela Bay, nanjengoko ubukade untlithwa sisomiso.
Nangona isamkelwa ngezandla ezishushu imvula kulommandla obusoloko intlithwa sisomiso de kube ngoku, lemvula ibangele umonakalo omandla kubahlali belokishi eziliqela kwaye yanyanzelisa uMasipala ukuba afuduse abanye abahlali kwaye avale nezinye iindlela njenge nxalenye yokuqinisekisa ukhuseleko.
Abanye abahlali kwilokishi ezichatshazelwe ziimpuphuma, abafuni kusiwa kwindawo ezikhuselekileyo kuba benoloyiko lokuba iimpahla zabo zizakwebiwa ukuba nje bakhe bashiya amakhaya abo.
UNombeko Solani oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ohlala kwindawo yamatyotyombe KwaNdokwenza Kwilokishi yaKwazakhele, uthe uxolele ukuba asale ngasemva aqinisekise ukuba impahla zendlu yakhe zikhuselekile kunokuba aphulukane nazo.
“Andifuni kushiya ifenitshala yam ngasemva, kungcono ndihlale apha kunokuba ndikhuseleke kwenye undawo ndishiya impahla zam kungekho mntu uzigadileyo,” utshilo.
Omnye umhlali uLindewa Zumani uthe ukungenelwa ngamanzi ezindlini ayiyo kuphela into ebaxhalabisayo.
“Asixhalabiswanga ngamanzi ezikhukhula azakungena ezindlini onakalise ifenitshala yethu kuphela. Amasela ayazenzela ingakumbi ngexesha lokucinywa kombane kwaye ukhukhuliseko aluzi kubavala ukuba bangayibi ifenitshala yethu.”
Ilungu lekomiti kasodolophu kwicandelo lezokhuselelo uCeba uLawrence Troon uthe umasipala uzakuqhubeka ebeke lemeko esweni. “Siyayamkela imvula enayo kuba siyidinga nangakumbi, kuba sihlaselwe sisomiso esakhe sasikhulu.
“Amaqela ethu athe bhazalala encedisa abantu abachaphazelekileyo kwimimandla eyohlukeneyo, kwaye sizakubancedisa abahlali abachaphazelekileyo apho sikwaziyo siphinde sibafuduse abo bavumayo. Ngelishwa asizukwazi ukuhambisa, sifuduse abantu bengafuni,” utshilo.
Iindawo ezichatshazelwe ziimpuphuma ziquka iMissionvale, Kwazakhele, eNew Brighton, iJachvlakte, i3rd Avenue Dipmin Newton Park, indawoyaseM4, iUitenhage kunye neSydenham Road kunye nebhulorho iCuyler bridge eKariega.
Umfanekiso ongasentla: Ilokishi ehlaselwe zimpuphuma Kwazakhele eGqeberha
Umfanekiso ongasentla: Uthunyelwe