IBlitzboks ziphume kukhuphiswano zisenako ukuzithemba 

Ngu Lucky Maree

Imidlalo emibini yokugqibela yeBlitzboks (ziqubisana neFiji kunye neUSA) ibimihle ngendlela emangalisayo kanye ngendlela abadlale ngayo kwimidlalo yokhuphiswano emibini yokugqibela. Kufuneka benze njalo kwimidlalo emithathu eyandulela eyamagqibela kankqoyi bequbisana neArgentina. 

Lomdlalo khange uqale kakuhle kwiqela leBlitzboks njengoko uMarcos Maneta ebaleke wafaka itry yokuqala ngaphantsi kwepali, kalula nje. Kuthe kuphela isigaba sokuqala, labe iqela loMzantsi Afrika lingakhange libambe ibhola isithuba esingaphezu kwemizuzwana elishumi. Banentlahla nje ngokuba basele ngasemva ngomdlalo omnye – kodwa iqela leArgentina likulungele ukugqiba ngeBitzboks, kodwa oko kuzabe kuyimpazamo. Ngaphandle kokuba uMoneta ukhaba ngikugqibeleleyo kwaye uLos Pumas ukhokhele ngamanqaku alishumi elinesibini – kwaye ilizwe loMzantsi Afrika akukhonto linokuyenza. ULuciano Gonzalez ufake inqaku kamva, ukanti iBlitzboks zisemva ngamanqaku angamashumi amabini ananye.  

Kwimizuzu emibini eseleyo uJames Murphy ufake inqaku leBlitzboks. Kwimizuzu elishumi emva koku uMurphy ufake elinye kwakhona – kodwa besele liphelile ixesha. 

Ingaba kwenzeke ntoni kwiBlitzboks emva koloyiso lwabo olukhulu ngexesha bezidlala neUSA? Akukho mntu waziyo. Badlale neAustralia kwimidlalo yokuchonga iqela elizakuba kwindawo yesihlanu.  

Umzantsi Afrika ufake iTry yawo yodumo idlala neAustralia ngoMfundo Ndhlovu. Ukuba bayaqhubeka bedlala ngoluhlobo, bazakuphuma neziphumo ezihle.  

Kodwa emva kwemizuzu emithathu kungekho nto ibonakalayo , iAustralila iwubhangisile lomoya ngokufaka iTry efakwe nguHenry Paterson. IWallabies zifumene ukuhamba phambili ngamanqaku amabini kwade kwabe uShaun Williams ubaleke waya kufaka itry ngaphantsi kwepali. Emva nje kokuba kuqale isiqingatha sesibini, UTim weqela leAustralia ufake inqaku. Yaphinda yahamba phambili kwakhona iAustralia. Unqaku likaMaurice Longbottom lingaba lilo elibonisayo ukuba kwenzeka ntoni kulommdlalo – Kodwa uJames Murphy ufake inqaku elihle kakhulu. nalapho amabini lamaqela afake iTrys, IiAusies ziphumelele ngamanqaku amabini ngethuba kusenziwa iinguqu ezithile.

UMzantsi Afrika ubuye ungafumananga mbasa, kodwa ubuye isidima sisekhona.  

IBlitzboks zibenamanqaku alishumi elinesibni ( iTrys ezintathu -Kwitrys ezimbini) IArgentina yanamanqaku angamashumi amabini ananye 

IBlitzbks ibenamanqaku alishumi elinethoba ( iTrys ezintathu – kwiTrys ezintathu) iAustralila yaphumelela ngamanqaku angamashumi amabini ananye.  

Umfanekiso ongasentla: IBlitzboks ziphuma zisenaso isidima esiseleyo 

Imvelaphi yomfanekiso: @Blitzboks