Umqeqeshi waMajimbos uyavuma ukuba bohlulwe yiSenegal 

Ngu Micheal Midyirha

Umqeqeshi weqela lelizwe loMzantsi Afrika uDuncan Crowie uvumile ukuba khange bafumane sisombululo sokuvalela iqela leSenegal emva kokubethwa ngamanqaku amahlanu eqandeni, baphumela ngaphandle kukhuphiswano lwendebe i2023 Africa Under-17 Cup of Nations ngoLwesithathu. 

Amajimbos ohlulekile ukudlula kwisigaba semidlalo emibini eyandulela magqibela kankqoyi, kwaye ukuba bebefikelele kumaqela amane okugqibela bebezofumana itikiti lokungena kukhuphiswano lwendebe yehlabathi, iFifa Under-19 World Cup ezakube idlala ngenyanga yeNkanga. 

Eliqela libethwe liqela laseNtshona yeAfrika elinoburhalarhume obumandla kwaye elomelele ngokwesithomo nangokwenza kunabafana bakaCrowie.  

Emva kokuba uMzantsi Afrika ungazange udlale ngendlela egqibeleleyo nenomtsalane kuyo yonke imidlalo yamaqela adibeneyo, bakwazile ukunyonyoba bangena kwisigaba semidlalo emibini eyadulela eyamagqobela kankqoyi belelinye lamaqela akwindawi yesithathu enzekakuhle, uCrowie uyavuma ukuba iSenegal ibiiqaqambe kakhulu inesakhono ukodlula iqela lakhe.  

Samsung Galaxy 14G

“Besisazi ukuba sizakuqubisana neqela elidlala kakhulu, besiyazi into ezakwenzeka,” uCrowie uxelele amajelo endaba eSafa.  

“Banabadlali abazincutshe emaphikweni, banobungozi kakhulu kwibhola ezinqumlalo, kwaye yeona ndlela abafake ngayo onke amanqaku abo. Besiyazi yonke lonto kodwa khange sikwazi ukuyinqanda ingenzeki, kwaye yeyonanto iphoxayo leyo.  

“Yinto ebonakalisa ukomelela kweqela leSenegal. Bebomelele kunathi, besikhuphela ngaphandle ebholeni, bekhawuleza kunathi ingakumbi emaphikweni, kwaye bekwazi ukufaka iibhola ezinqumlayo kwayo beyibambile indawo yabo.  

“Bebedlala kakuhle kakhulu xakujongwa iibhola ezinqumlayo, kwaye yilonto kanye eyenze ukuba sifake amanqaku kwicala lethu. Siyayazi lonto kodwa ke akukhonto sinokuyenza ngayo.” 

Amajimbos abathwe ngamanqaku amabini afakwe ngawo kwimizuzu nje emithathu efakwe ngundlali wangasemva uWaylon Renecke kunye noKapteni uBenjamin Wallis ekungawo avule amasango emvula yamanqaku angene kubo.  

“Andimotso ukuba kukuba besebephelelwe lithemba lokuphumelela lomdlalo ngpkwengqondo [emva kwamanqaku abawafake ngokwabo],” utshilo uCrowie obengafuni kubeka ityala kubadlali bakhe bangasemva.  

“Inqaku lesibini lingene ngokukhawuleza kakhulu emva kwelokuqala. Kuyaphoxa nangakumbi xa ujonga indlela osebenze nzima ngayo imizuzu efikelele kumashumi amane. Akukho mntu ndizakumgxeka. Ukubetha ngamanqaku amahlanu eqandeni akukho namnye umntu oyinqwenelayo lonto.” 

Ngoku kukindeleke kubonakale ukuba bangaphi abadlali abazakuphumelela kwiqela lika Crowie badlalele iqela loMzantsi Afrika kwabaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini kwaye baqalise badlalelel isigaba sePrenier Soccer League.  

Umfanekiso ongasentla: Umdlali wasesiswini woMzantsi Afrika uXolani Tshaka uqubisana nomdlali weSenegal uYaya Dieme 

Imvelaphi yomfanekiso: CAF