UGqr Nandipha ubeqaqambile enkundleni 

Ngu Everson Luhanga

Ilizwe loMzantsi Afrika belilinde ngomonde lifuna ukwazi ukuba uGqr Nandipha Magudumana uzakuyinikwa kusini na ibheyile ngethuba ebevela phambi kwenkundla kamantyi eBloemfontein ngoLwesine. 

Kodwa uthe akusukuma kulenkundla, kwatshintsha yonke ento.  

Ubenxibe echontsa, inwele kunye nenzipho zakhe zilungisiwe kwaye efake iruji eqaqambileyo emlonyeni wakhe. 

Umbuzo ngowokuba ngubani oqhuba ishishini lezobuhle kwizisele zoMzantsi Afrika kwaye kwaye lithini ixabiso lokukhangeleka umhle njengoGqr Nandipha? 

UMagudumana ulandela ezinyaweni zombulali ogwetyiweyo aphinde abengumkhohlisi uRosemary Ndlovu, owayesoloko ebangela ukuthetha kubemi beli ngalo lonke eixesha evela enkundleni. 

UNdlovu owayelipolisakazi elalizinze kwisikhululo samapolisa iTembisa South, wayengaliphosi ithuba lokukhangeleka emhle.  

Nangaphambi kokuba elityala litsale umdla wekhamera zomabonakude, elipolisakazi lalingu Sergeant lalisoloko linxibe lichontsa. 

UMagudumana ujamelene namatyala aphindiweyo. Nangona ejamelene namatyala okuncedisana noThabo Bester, uGqr Nandipha ubekhangeleka epholile enkundleni. Ubekhangeleka engoyiki nto. 

Kodwa, sonke siyazibiuza: Ngubani umnikazi wesaluni ezibenza bahke kangaka? Ingaba ikhona indlela urhulumente uyaxhamla ngayo? Ngubani ocwangcwisa ukulungiswa kweentloko zamabanjwa kwaye izinto zokulungisa ezintloko zivelaphi? 

Ufanekiso ongasentla: UGqr Nandipha Magudumana 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter