Kuqhambuke ubutyulwano phakathi kwezinyoka namapolisa  

Ngu Buziwe Nocuze

Kuqale kwavakala isandi sabantu besimba kwiyadi yakhe. Kodwa khange anike ngqwalasela.  

Ekuhambeki kwexesha, ebusuku kuvakale izandi zemipu wathi akukroba ngefestile wabona izibane eziluhlaza zamapolisa.  

Emva koko kunkqonkqoze ipolisa emnyango kwakhe limxelela ngento eqhubekayo.  

“Ndithe ndakuphemela ngaphandle kwindlu yam, amapolisa andixelela ukuba ebedubulana nezinyoka ebezisimba iintambo zombane kwi yadi yam,” utshilo uNomayenzeke Sipele ongumhlali kwindawo yamatyotyobe iHazeldean eKapa.  

Oku kwenzeke ngeeyure zentseni yangoLwesithathu, ngelixa amasela aba iintambo zombane edubulana namapolisa, kwade kwabe uyabulalwa umrhanelwa obeseba ezintambo. 

Ethetha neqonga lendaba iScrolla.Africa uSipele uthe lendoda ihlala kumatyotyombe akufuphi kwindawo yaseRamaphosa. Ubengomnye wegquba lamadoda asikuka kulamatyotyombe ebezama ukuxhuma umbane ngokungekhi mthethweni, esebenzisa unikezelo lombane olusenthethweni lwase Hazeldean. 

“Sasikase sinesibonda sombane, kodwa ngoku satshintshwa kuba ukuxhunywa kombane ngokungekho mthethweni kubeka ubomi bethu emngciphekweni,” utshilo.  

Uthe akasazi nokuba kukangaphi indlu yakhe isinda ekitsheni ngenxa yokuxhunywa kombane ngokungekho mthethweni. 

“Ndaziva ndonwabile xa isixeki sitshintsha sisebenzisa iintambo zombane ezihamba ngaphantsi komhlaba, kuba ndandicinga ndizakufumana ukuphumla ekugqibeleni, kodwa ndandizikhohlisa nje.  

“Athe akufika amapolisa, adunguka lamadoda kwagalelwa iimbumbulu. Ixhoba eli kutyholwa ngokuba lidutyulwe enva kokudubula amapolisa.” 

URobbie Raburabu, osisithethi secandelo elizimeyo lophando lwamapolisa uqinisekisile ukuba kuzakwenziwa uphando malunga nemeko erhanqe ukusweleka kwexhoba.  

Omnye wabahlali bamatyotyombe aseRamaphosa, ocele ukuba angadizwa uthe, “Sifuna umbane. Ukufakwa kweentambo zombane phantsi komhlaba okanye phezuliu kuyafana. Sozakuwufumana.  

“Sidandathekile kuba silahlekelwe lilungu lethu, kodwa oku akuzusivala ukuba singayi phayana siyofuna umbane.” 

Ukuxhinywa kombane ngokungekho mthethweni kuyaqhubeka nokuba yingxaki enkulu kwindawo zamatyotyombe, abahlali babeka impilo zabo emngciphekweni kuba befuna ukuxhuma umbane.  

Njengoko kuqondakala ukudingeka kombane, ukuxhuma umbane ngokungekho mthethweni akubeki bomi bomntu omnye emngciphekweni kuphela, koko nabamelwane babasengozini. 

Umfanekiso ongasentla: UNomayenzeke Sipele ubelele ngethuba evuswa sisandi sembumbulu sikhala kwiyadi yakhe. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze