Isimanga, owasetyini otshate namadoda amathathu! 

Ngu Everson Luhanga

Umama wabantwana ababini waseTanzania ubhengeze ukuba utshate namadoda amathathu. 

Ngokwenkcubeko yaseAfrika, amadoda ayatshata nabafazi abathathu, abane ukuya kwabalishumi, kodwa amanina akakhangeleki enayo loonyhweba.  

Ngaphandle kuka Nelly. 

UNelly upapashe umboniso wakhe kunye nabayeni bakhe abathathu bemamatheka lulonwabo, uJimmy. uDanny kunye noHassan. 

Samsung Galaxy 14G

Ngokweqonga likamabonakude iNTV Kenya, uNelly oneshishini lokuthengisa izithuthi, watshata nobhuti womyeni wakhe emva kokusweleka komyeniwakhe awayetshate naye iminyaka esibhozo, kwingozi yemoto.  

Emvakoko wagqiba kwelokuba ufuna amanye amadoda, waqhuba watshata namadoda amabini, esongeza kule anayo. 

Lamadoda kudala ehlala kwindawo enye iminyaka kwaye ngokutsho kukaNelly, bangabahlobo benene kwaye bonke bayabelana ngesondo kunye naye.  

Uthe lamadoda onwabile, ayoneliseka ngokwesondo nangokwezimali kwaye akamkrexezeli.  

Ingxelo zithi uNelly wathengela amadida akhe onke iimoto kuba onke akaphangeli kwaye uyawaxhasa.  

Oku kube sisibhengezo esishiye uninzi lunento yokuthetha, ingakumbi isithethu esibizwa ngePolyandry apho owasetyhini etshata namadoda amabini nangaphezulu  ngexesha elinye, inguntshato ogwetywayo mthethweni. 

UNicodemus Agweyo oligqwetha laseTanzania uthi, nangona umtshato wesithembu samadoda (ipolygamy) usamkelwa ngumthetho umtshato wesithembu samanina (ipolyandry) ayamkelekanga.  

“Ukuba owasetyhini utshata namadoda angaphezu kwenye, ufanelekile ukuba agwetywe ahlale eziseleni ixesha elifikelele kwiminyaka emithathu,” uxelele umabonakude iAyo TV. 

UAgweyo uthe indoda etshata umfazi osele etshatile, nokuba inkolo okanye inkcubeko iyayivumela lonto, ufunyaniswa enetyala lolwaphulo mthetho kwaye ufanelwe kukuba abe seziseleni isithuba seminyaka emithathu.  

Eligqwetha longeze ngelithi, elisolontya lomthetho lingqalile kwaye aliniki ndlela zizezinye zesohlwayo, ezifana nemali yomdliwo.  

Umfanekiso ongasentla: UNelly kunye nabayeni bakhe 

Imvelaphi yomfanekiso: Malawi24