
Ngu Zukile Majova
Njengoko isigaba sesithandathu sokucinywa kombane kubonakala ukuba yimpilo entsha eMzantsi Afrika, uGwede Mantashe ngoyena mphathiswa wenene wecandelo lombane ekungekho bani uzimisele kumphendulisa athathe uxanduva ngalenyewe.
Akangomphathiswa oyintloko yezimbiwa namandla kuphela, ukwinkqubo yokuthathela kuye ilawulo lukaEskom abengummeli wabatyalizimali kulenkampani ivelisa amandla kweli, ekungusebenzi wexeshana obekwe ezandleni zomphathiswa wamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan.
Njengoko uEskom ezakuba phantsi kolawulo lwesebe lezimbiwa namandla ngokwesigqibo esathathwa kwinkomfa kazwelonke yombutho weANC, uMantashe uzakuba ngumanejala womphathiswa wezombane uKgosientsho Ramakgopa.
Iofisi kaRamakgopa iphantsi kwe-ofisi kamongameli, kodwa enyanisweni ungumanejala weprojekhthi kaMantashe. Kuyo yonke ingxubakaxaka yokunqongophala kwamandla ngokumandla kweli, uMantashe uvuke wanamandla ngokumangalisayo, ufananqwa nomongameli ongachongwanga.
Umphathiswa wezombane akanokwazi ukuba kwicala elibi ngokuphikisana noMantashe, kwaye ubenoxanduva olumandla ngoLwesine kufuneka eqinisekise isigqeba sikazwelonke seNational Council of Provinces ukuba akukho kungavani phakathi kwakhe, uGordhan kunye noMantashe.
“Umbono wokuba kukhona ukungavani okukhona liyelenqe nje lasesidlangalaleni eliphekwayo kulondawo liphekwa kuyo.”
Uthe uMantashe ngumgcini wemigaqo ngako ke uyinkokheli ephambile kwinkqu ye Intergrated Resource Plan.
Oku kuthetha ukuba uMantashe uthatha isigqibo zokugqibela malunga nokusetyenziswa kwentlobo ezixubileyo zokuvelisa amandla kweli; agqibe ukuba mangakanani amandla ekufuneka aveliswe zimveliso zamandla egcinwa ngeBattery, amandla elanga, amandla asebenzisa amanzi, amandla eNuclear kunye namandla ombane oveliswa zizikhululo zamalahle.
“Njengoko sijonge kwimveliso ezintsha zamandla, siya kwisebe iDMR (kaMantashe) sitsho ukuba lixesha lokukhupha isibhengezo sezicelo zokuvelisa amandla amatsha.
“Atsho akhuphe isibhengezo sokufakwa kwezicelo zokuvelisa amandla; apho izabelo zemveliso zamandla ohlukeneyo ziveliswa zimveliso ezohlukeneyo, ujonga iIRP atsho ukuba athile azakuveliswa ngemveliso ezihlaziyekayo, athile avele ngokusetyenziswa komoya okanye inuclear njalo njalo.”
UMantashe nguye owongamele lenkqubo kude kufikelele kwisigaba sokuba kubekhona umthengi ochongiweyo.
“Kuzakuthi kwakufikelela kwisigaba sabathengi abachiongiweyo, umntu omnye okanye inkampani zabavelisi ezo zizakusebenzisana nomphathiswa wezombane,” utshilo uRamakgopa.
Sele kiuphele iinyanga umphathiswa wezombane elindele umongameli uCyril Ramaphosa ukuba amnike amandla ongezelelweyo ukuze enze umsebenzi wakhe, nto leyo ithetha ukuba uzakuthatha amanye amandla kuMantashe.
Umongameli akwazi kubeka isandla esingqingqwa kuMantashe njengoko engusihlalo kazwelonke weANC owonyulwe ngokutsha, obonakalise amandla akhe ngokuncedisa uRamaphosa aphumelele kwinkomfa yolonyulo edlulileyo.
Ukanti ulawula ngenkxaso yekomiti elawulayo yombutho weANC efuna izikhululo zokuvelisa umbane zisebenzisa amalahle ibengundoqo wemmveliso zombane kweli, zincediswa zimveliso zamandla ahlaziyekayo, imveliso zamanzi, umoya kunye nelanga.
NgoLwesithathu, ibhodi yakwa Eskom ithe akukho zicwangcwiso zikhawulezileyo zokuba uEskom atyale imali kwimveliso ezintsha zombane.
Ukunika amandla amangako kumntu okholelwa kukusetyenziswa kwamalahle, kubangele ukuna ihambe ngonyawo lonwabu inkqubo yokumiliselwa kwenkqubo iJust Energy Transition Framework exabisa iR155 billion, elungiselelwe ukuba ixjase ngezimali inkquyo yeli yokuphuma kukuxhomekeka okumandla kwimveliso zombane wamalahle kubhemelwe kwimveliso zamandla ahlaziyekayo.
Umfanekiso ongasentla: Umphathiwas wezamandla nezimbiwa okholelwa ngokumandla kwimveliso zamalahle uGwede Mamtashe nguye onesitixo sokuba kuphele ingxaki yokunqongophala kwamandla kweli
Imvelaphi yomfanekiso: @Mantashe