Umdlali odumileyo kwiMuvhango uTebudzani uyashiya kulomdlalo 

Ngu Doreen Mokgolo

Lumka: elibali linenkcukacha ezinokonyelisa imiboniso ezakudlala kulenyanga kaCanzibe kwiMuvhango. 

Emva kweminyaka engamashumi amabini anesithathu eqaqambileyo edlala kumboniso wesiVenda iMuvhango, uGabriel Tebudzani, owaziwa ngeNkosi uAzwindini, wenze isigqibo esophula iintliziyo sokuba ashiye kulomdlalo.  

Ukushiya kwakhe kubangelwe sisidingo anaso sokuchitha ixesha nabantwana bakhe abathathu abathanda kunene kunye nokunika ingqwalalsela kumashishini akhe ekhulayo.  

Kudliwano ndlebe olukhethekileyo neqonga leendaba iScrolla.Africa, uGabriel uvakalise ubuhlungu bokungazibandakanyi kwizinto ezibalulekileyo ebomini babantwana bakhe – eli lidini elalibalulekile ngendlela ebezinikele ngayo kulomdlalo.  

Abantwana ababini abaselula abaneminyaka elishumi elinesixhenxe neshumi elinesithandathu, ngelixa omncinci kubo eneminyaka esibhozo, esi sisigaba esibaluleke kakhulu esinyanzelisa ukuba azibandakanye ngokubanika iingcebiso zokubumba izigqibo abazithathayo nokukhusela ikamva labo.  

Ngelixa eqinisekisa ukuba iMuvhango likhaya lakhe lesibini, lomlinganiswa uvumile ukuba ngoku lixesha lokuba alungise, akhe ubudlelwane obungcono nabantwana bakhe, azame ukubuyisela ixesha elamlahlekeleyo.  

Inkosi yaseThathe izakuhlala inendawo ekhethekileyo entliziyweni yakhe, kodwa ngoku ingqwalasela uzakuyinika usapho lwakhe aluthandayo. 

ukuphuma kuka Nkosi Azwindini kumdlalo iMuVhango kubonakala kumboniso ongathandekiyo, apho umzala wakhe ozele yinzonda okwalutshaba lwakhe uTenda (odlalwa ngu Nathaniel Ramabulana), engazucinga kabini ngokumdubula ambulale, aze amtshise kuba esonelisa umnqweno wakhe wokuziphindezela ngokubanjwa kwakhe okungafanelekanga.  

Njengoko ejonge kwikamva eliqaqambileyo, uGabriel Tebudzani uzakuchitha ixesha lakhe ekhulisa ishishini lakhe lezotyelelo elihamba kakuhle kakhulu. Njengoko ekhumbula izinto azifumeneyo ngexesha ezibandakanye nalomdlalo, uthi ixesha ifikile ukuba awushiye, kodwa eshiya umnyango uvuliwe ukuba angaphinde abuyele kwiminyaka ezayo.  

UGabriel uqhule ngelithi, “Ngubani owaziyo ukuba ingommso liphethe ntoni? Maxawambi ngenye imini ndingazibona ndibizwa ukuba ndibuyele. Imvelaphi ibonisa ukuba abanye abalinganiswa bayashiya kulombiniso, kodwa baphinde bavele emva kweminyaka embalwa.” 

Ukuzibandakanya nalomdlalo iminyaka engamashumi amabini anesithathu, uGabriel uqinisekise ngothando ukuba uhambo lwakhe oluqaqambileyo kulomdlalo kumenze wayithanda nangakumbi inkcubeko yamaVenda, ulwimi kunye nentlonipho kwabanye abantu kunye nokubaluleka kokuba ntonye ekuhlaleni.  

Kumazwi akhe okuvala ubongoze wonke umntwana waseAfrika akhumbule ukuba amaphupha akhe ayinyaniso, nokuba imvelaphi yakhe injani okanye inkcubeko yakhe ithini.  

Umfanekiso ongasentla: NguGabriel Tebudzani 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.