
Ngu Micheal Madyirha
Kwisithuba esingaphantsi kweveki ezimbini, izakuvalwa isizini yonyaka ka2022/2023 kwisigaba sePSL, kwaye ingxoxo mpikiswano ziyavutha malunga nokuba ngabaphi abadlali ekufuneka behlobitshiwe.
Nangona emaninzi amagaba abekwe elangeni malunga nomqeqeshi wonyaka, umdlali omncinci wonyaka kunye nezinye izigaba, kodwa ingxoxo iyavutha malunga nomdlali obalaseleyo wonyaka.
Lowo wayesakuba ngumdlali ovalayo kwiqela leBafana Bafana uMatthew Booth uchaze ukuba kutheni ekholelwa ukuba umdlali wasesiswini kwiqela leMamelodi Sundowns uTeboho Mokoena efanelwe yimbasa yePremier Soccer League yomdlali wonyaka.
Umdlali wamaphiko weqela leOrlando Pirates uMonnapule Salega, uMokoena kunye nogxa wakhe weqela leSundowns uPeter Shalulile nabo bayakhankanywa njengaba dlali abaphikisanayo kweyona mbasa inkulu kwibhola ekhatywayo.
“Kwelam icala, mnye kuphela umdlali endimbonayo, kwaye nguTeboho Mokoena,” uBooth uxelele iqonga leendaba iSCrolla.Africa.
“Ngokujonga indlela adlalangayo, uhamba phambili kwizakhono ezohlukeneyo ezifana nokukhaba ngendlela egqibeleleyo, nokuvala njalonjalo. Yonke nje into ikhomba kuye ukuba abengumdlali wesizini.
“Ndicinga ukuba abadlali abasondeleyo kuye ingangu Saleng, uShalulile kunye [nomdlali ovalayo weSundowns uKhuliso] Mudau. Benze umsebenzi onconekayo kulesizini.”
USaleng wonwabele ukuphumisela kulesizini apho afake amanqaku alishumi kwiPSL kunye namahlanu ancedise ukuba afakwe, ngelixa uShalulile ehamba phambili kumanqaku esizini.
UBooth uphinde wanaba kwinkxaso yakhe kaMokoena esithi, lomdlali uqaqambileyo waMasandawana ngoku uvuthelwe ukuba afumane imiceli mngeni emitsha eEurope.
“Ndicinga ukuba ukulungele ukuba aye, kodwa ke kuxhomekeke kwinto ayifunayo ebomini,” wongezile uBooth, owayeke wadlala eRussia.
“Kunzima kum ukuthi makahambe, kodwa bendingathanda ukumbona ehambela kude noMzantsi Afrika ukuze siqhubeke nokumbukela.
“Kodwa ngokoluvo lophuhliso lwabadlali, ndingabakhuthaza abadlali ukuba bafumane ixesha baye kumazwe aphesheya kweelwandle. Ngethemba lokuba uzakulifumana elothuba.”
UBooth uchonge abadlali abalishumi elinanye abagqwesileyo kwiPSL kulesizini, ebachonga ngokudlala i4-2-3-1 eyichaza ngokuba yinkqubo ejonge amanani kakhulu.”
Unozinti: NguRonwen Williams (weMamelodi Sundowns)
Ekunene esiyangasemva: NguKhuliso Mudau (weMamelodi Sundowns)
Esiswini esiya ngasemva: NguTapelo Xoki (Orlando Pirates)
Esiswini esiya ngasemva: MguTaariq Fielies (Cape Town City)
Ekhohlo esiyangasemva: NguDivine Lunga (Golden Arrows)
Umdli wasesiswini: NguTeboho Mokwena (Mamelodi Sundowns)
Umdlali wasesiswini: NguSandile Mthethwa (Stellenbosch)
Umdlali wesisu ohlaselayo: NguJunior Mendieta (Stellenbosch),
Umdlali waphambili: NguMonnapule Saleng (Orlando Pirates)
Umdlali waphambili: NguCassius Mailula (Mamelodi Sundowns)
Umdlali waphambili: NguPeter Shalulile (Mamelodi Sundowns)