Isihlanu esibulala abasebenzi beDyunivesithi yase Fort Hare besiceba lukhulu 

Ngu Zukile Majova

Amadoda amahlanu abanjelwe ukubulala uthotho lwabasebenzi bedyunivesithi yase Fort Hare ebesaceba ukubulala uninzi kuledyuniversity.  

Umtshutshisi wombuso uthi abarhanelwa okwangoku bakwazile ukubalala umanejala wezithuthi zaledyunivesithi uPetrus Roets, unogada wokuqala wenqununu uMboneni Vesele kunye nonogada wesibini obulewe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. 

Ngethuba kuviwa isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi eDimbaza ngoLwesithathu, lenkundla ifumanise ukuba umrhanelwa wokuqala uBongani Peter wabanjwa kunye noluhlu lwamagama abantu kunye nemifanekiso yabo. 

Umbuso ukholelwa ukuba olu yayiluluhlu lwabantu abarhanelwa ababeceba ukubabulala. 

Samsung Galaxy 14G

Ukukhulula uPeter ngebheyile kuzakubeka ubomi babantu abaninzi emngciphekweni kuquka nabasebenzi abaninzi baledyunivesithi.  

Ukukhululwa kuka Peter kuzakuphinde kubeke inqununu yaleDyunivesithi uSakhela Buhlungu emngciphekweni omandla kuba yabaliphulo likaBuhlungu lokulwisana norhwaphilizo elabangela ukuba kunqunyanyiswe lowo wayesakuba ngumanejala wezithuthi zaledyunivesithi.  

Kwixa elidlulileyo uProfessor Buhlungu wathi: “Ayiyomfihlo into yokuba uBongani Peter wayeligosa kwicandelo lezithuthi kwidyunivesithi iFort Hare. Unqunyanyiselwe urhwaphilizo kwaye ubanjelwe zozibini iziganeko zokubulala. Wayesebenzela ledyunivesithi.”  

Abarhanelwa abangundoqo kwelityala banobudlelwane kumanejala wezithuthi zaledyunivesithi, abantu abasebenza kwelicandelo lezithuthi kunye nabaqhubi abasemthethweni baledyunivesithi. 

Umzekelo; omnye wabarhanelwa wayelilungu lesigqeba sabafundi (iSRC) watshintsha waba ngusomashishini ohlinzeka ledyunivesithi ngeenkonzo ezithile.  

Uvule ishishini lokulungisa, nokuqinisekisa ukulungela kwezithuthi ukuba sezindleleni kufutshane naledyunivesithi kwaye ufumana imisebenzi kumagosa ecandelo lezithuthi zaledyunivesithi.  

Umrhanelwa wesithathu onobudlelwane naledyunivesithi ngumsebenzi owathatha umhlalaphantsi kwiminyaka emine edlulileyo owayesebenza kwicandelo lezithuthi kuledyunivesithi, kodwa waphinda waqeshwa nguPeter njengomqhubi wexeshana kaVice-chancellor waledyunivesithi. 

Isibini esongezelelweyo kutyholwa ukuba ziinkabi zephondo laKwaZulu-Natal ezisebenza ukubulala abantu. 

Phakathi kwenyanga yoMqungu nekaTshazimpuzi kulonyaka ka2023, kubekho iziganeko ezohlukeneyo zokuhlaselwa kwabasebenzi baledyunivesithi, nto leyo yabangela ukuba inqununu yesisikolo itsalele umongameli uCyril Ramaphosa icela ungenelelo olukhawulezayo.  

Umfanekiso ongasentla: Belwenziwe luqilima ukhuseleko enkundleni kuvela amadoda amahlanu ngokunxulumene nokubulawa kwabasebenzi bedyunivesithi yaseFort Hare. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter