
Ngu Buziwe Nocuze
Abahlali bendawo yamatyotyombe eKapa bajamelene nomngcipheko wokuqhambuka kwezigulo ngenxa yokungabikho kococeko emva kokuba abophulimthetho abanyanzelisa intlawulo yokhuseleko begxothe iiloli eziqokelela amabhakethi welindle.
Ukusukela ngomhla weshumi elinesibhozo ngenyanga kaTshazimpuzi, uninzi lwentsapho zinyanzeleke ukuba zigcine a zelindle emakhayeni azo, nto leyo ibangela ivumba enganyamezelekiyo.
Inkqubo yokusetyenziswa kwezindlu zangasese zamabhakethi, yinkqubo eyenzelwa ukuhlinzeka ngenkonzo zococeko okwethutyana kwindawo zamatyotyombe. Abahlali basebenzisa indlu yangasese ekwaziyo ukuthathwa ibekwe kwindawo ezohlukeneyo enebhakethi eligcina ilindle, elithi lithathwe yiloli iye kulilahla.
Noxa kunjalo, abahlali baseLotus Park abasakwazi ukusebenzisa lenkqubo ngendlela efanelekileyo ngenxa yezenzo zoonqevu abanyanzelisa ukuhlawulwa imali ngabantu abaqokelela lamabhakethi.
Ngokokutsho komhlali othethe neqonga leendaba iScrolla.Africa ecela ukuba inkcukacha zakhe zingadizwa, igquba lezikrelemnqa lagxotha abasebenzi beloli abebezokuqokelela ilindle kumabhakethi agcweleyo.
“Ndeva ukuba ababophuli mthetho babenyanzelisa ukuba babahlawule, kodwa zange ndiyikholelwe ndade ndabe ndiva abanye abahlali beqinisekisa ukuba kunjalo ngenene,” utshilo lomhlali.
Izenzo zoonqevu zishiye abahlali bengazi nokuba bawathini lamabhakethi agcwele ilindle, banyanzeleke ukuba bazigcine emakhayeni abo.
Imeko ayisanyamezeleki, ezinye intsapho zinyanzeleke ukuba zibolekisane ngendlu yangasese. Kungoku, iintsapho ezintlanu zinyanzeleke ukuba zisebenzise ibhakethi elinye, zizakuthi zigcine elolindle yakugcwala lakugcwala elobhakethi.
“Xa sithetha ngeentsapho ezintlanu, sithetha ngabantu abangaphezulu kweshumi elinesihlanu, njengoko la mabhakethi engasalandwa, izinto ziya zisiba maxongo nangakumbi,” utshilo omnye umhlali.
Ukunganyamezeleki kwelivumba kunyanzelise abanye abahlali ukuba bathumele abantu abangamaxhoba okusebenzisa iziyobisi ukuba bathathe elilindle baye kulilahla kumsele okufutshane, nto leyo izakubangela ungcoliseko lokusingqongileyo kunye nokuhlisa umgangatho wokhuseleko ngokwezempilo.
“Ewe into abayenzayo ayifanelekanga, kodwa yeyiphi enye indlela abanayo kuba bazakuphinde banyanzeleke ukuba bayisebenzise indlu yangasese?” ubuzile omnye umhlali.
Ilungu lekomiti kasodolophu waseKapa kwicandelo lamanzi nococeko uceba uZahid Badroodien, uqinisekisile ukuba unokhontraka obehlinzeka ngeenkonzo kwindawo yaseLotus Park ugrogriswe ngabantu abarhanelwa ukuba basebenzisana noonqevu abafuna imali eluntwini.
“Kuthe ekuhambeni kosuku iloli yabo yanyanzeliswa ukuba iyeke ukusebenza, kwaye bantu abasebenza kule loli baxelelwa ngulomntu ukuba bangaphinde balubeke unyawo bezosebenza eLotus Park,” utshilo uBadrooidien.
Ngenxa yomngcipheko wokhuseleko kubasebenzi kunye nokuxhatshazwa benyanzelisa ukuba bahlawule, inkampani ethuthayo khange ikwazi ukusebenza eLotus Park, ukusukela ngomhla weshumi elinesibhozo kwekaTshazimpuzi kulonyaka ka2023.
Abahlali baseLotus Park bamemelela ukuba kuziwe nesisombululo kulengxaki, kwaye bathemba ukuba kuzakuna imvula enkulu ukuze incede ukucoca umsele ukulahlwa kuwo ngamanzi acocekileyo.
“Nawe ulivile ivumba, asizakheli oku okanye sixoke sithi sisengxakini enkulu,” utshilo umhlali.
Amabhakethi ebekhutshwa kathathu ngeveki, kodwa ukusukela kwinyanga ephelileyo, abahlali bahlala namabhakethi agcweleyo.
Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseLotus Park eKapa banyanzeleka ukusebenzisa amabhakethi athengwayo agcwele lilindle emva kokuba oonqevu begxothe abantu abaqokelela amabhakethi welindle.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze