Abulawelwa imipu yawo amapolisa ephondo leMpuma Kapa 

Ngu Anita Dangazele

Oyikisela ubomi bawo amapolisa ommandla waseNelson Mandela Bay emva kweziganeko ezibini zokudutyulwa kubulawe amapolisa amabini kulengigqi.

Amapolisa amabini adutyulwe abulawa kwiintsuku nje ezimbalwa ezohlukeneyo. Igosa lenkonzo yesipolisa uMario Nel oneminyaka engamashumi amane ananye, obesebenza kwinkundla kamantyi eMotherwell, wadutyulwa wabulawa ngaphakathi enkundleni ngompu wakhe ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo.  

Kwintsuku nje ezimbalwa emva kwesisiganeko, uSergeant Khayalethu Mbonomnyama oneminyaka engamashumi amane anesibini, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwendawo yokoja inyama edumileyo eMotherwell eGqeberha ngeCawa, ngethuba wayehleli emotweni yakhe.  

Iziphathamandla zivumile ukuba ziyonyuka iziganeko zokubulawa kwamapolisa kweliphondo. Bagxeka oku kukunqongophala kwamagosa omthetho, ukusilela kwenkqubo yobulungiswa kunye nokuzimisela kwabophulimthetho ukufumana imipu.  

Ipolisa elicele ukuba ligadizwa, lithe alisaziva likhuselekile nokuba selelinxibe isinxibo samapolisa okanye lingabanxibanga, kuyafana.  

“Kuthi xa kuthe kwabulawa omnye wethu, kuye kubekhona ingxolo oko mzuzwana kuphinde kuthuleke,” utshilo. “Siyinkonzo yesipolisa siphole kakhulu, asiqapheli ngokwaneleyo kwaye asizilandeli iimfundiso ezingundoqo kuba asinayo inkqubo yemfundiso esivuselelayo sakuphuma kwikholeji yoqeqesho, ngelixa oonqevu benezixhobo ezikwinqanaba eliphambili kwaye besebenzisa ubuxhakaxhaka bobuchwephesha.” 

Elinye ipolisa lithi baziva bengakhuselekanga nangaphakathi kwezikhululo zabo. 

“Asiziva sikhuselekile, yilonto uzakuva kusithiwa ezinye izikhululo zamapolisa ziyatshixwa ebusuku. Siyoyika kuba sifumana imikhondo yokuba abophuli mthetho baceba ukuhlasela isikhululo kuba befuna ukuthatha izixhobo.” 

Ngentseni yangoMvulo kutshe izithuthi ezibini zamapolisa ngaphakathi kwisikhululo samapolisa eNew Brighton.  

Ngokutsho komthombo othembekileyo, esisikhululo sivalwa mba ebusuku kungabonakali ingathi kukho abasebenzi, nto leyo ibangela ukuba uluntu lwalendawo lungakwazi ukufumana uncedo kwesisikhululo ebusuku.

ULizette Lancaster osuka kwiqumrhu iInstitute for Security Studies uthe liyonyuka izinga lokubulawa kwamapolisa eNelson Mandela Bay. 

Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa kwilizwe loMzantsi Afrika, ngamapolisa angamashumi amabini anesibini awabulawayo phakathi kwenyanga yeKhala neyoMsintsi kunyaka ka2022.  

Igosa elijongene nolwaphulomthetho uGuy Lamb uthe uphando lwamapolisa kungenzeka lubenegalelo kukonyuka kokubulawa kwamapolisa.  

“Amanye amapolisa acutshwa ngamaqela oonqevu ngenxa yophando malunga nezenzo zalomaqela, ngokufanayo nokubulawa kwepolisa [elaliphambile eKapa ngonyaka ka2020] uCharl Kinnear okanye amapolisa abulawa kuba enika ubungqina enkundleni, ngenjongo yokujongelaphantsi uphando lwamapolisa,” utshilo uLamb. 

Isithethi somfelandawonye wamapolisa iPolice and Prisons Civil Rights Uniom (iPopcru) uRichard Mamabolo uthe ukubulawa kwamapolisa eNelson Mandela Bay kuyaxhalabisa kakhulu kwaye kunyukile oko kuqale lonyaka.  

“Sike sahlala neziphathamandla zenkonzo yesipolisa kwaye sifumanise ukuba akukho zicwangciso zikhoyo zokulwisana noku. Into esiyaziyo [kukuba] inento yokwenza nabantu abacupha amapolisa kuba befuna imipu yokugqibezela izenzo zabo zolwaphulo mthetho,” utshilo uMamabolo.