
Ngu Dalphine Tagwirey
Njengoko kuqala ikota yesibini yokufunda, amawaka abantwana basemaphandleni eZimbabwe balungiselela ukuhamba uhambo olude, oludinisayo lube lungakhuselekanga usuku nosuku besingisa esikolweni.
Abantwana kwilali yaseSanangwe kuMantla eMasvingo bahamba umgama wekhilomitha ezilishumi elinesibhozo ukuze bafikelele kwisikolo samabanga aphakamileyo esikufutshane nabo.
Ukuze bafikelele kwesisikolo, kunyanzelekile bawele imilambo emibini eyingozi kuba igcwele ookrebe,(crocodile) iMutirikwi neMuzare.
Ngelixa uninzi lubeka impilo zalo emngciphekweni kuba lufuna imfundo, abanye abakwazi kumelana noku. Inani labantwana abayeka phakathi ezikolweni kunye nabatsha bebancinci lonyuka ngamandla eZimbabwe, kuba oku kubanika indlela eyenye yokuphila ngaphandle kokuba sesikolweni.
Kwabaninzi ukutshata umncinci yinto yokugqibela abazincama kuyo. Kumantombazana amaninzi aselula, oku kuthetha ukuba bazakukhulelwa beselula kwaye banyanzeleke ukuba babelane ngesondo besekwiminyaka engafanelekanga.
Omnye wabazali uAnderson Machaya oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ukuhamba ibango elide kuyabaphazamisa abantwana kumsebenzi wesikolo kuba bakwazi kunika ingqwalasela xa bediniwe, ingakumbi abangamantombazana.
“Oku kunegalela elikhulu kubantwana abatshata bebancinci kwindawo yethu kuba umtshato yinto abacinga ngayo bakuthatha isigqibo sokuphuma esikolweni,” utshilo.
“Ngexesha leemvula ezina ngamandla, abafundi banyanzeleka behleli emakhaya iiveki kuba isikolo sabo sakhiwe phakathi kwemilambo emibini enookrebe, kwaye abakwazi kuwela xa izele iphuphuma,” wongeze wenjenje.
UGrace Dhurumba ongumzali oneminyaka engamshumi amahlanu anesihlanu uthe, umgama omde ohanjwa ngabantwana xa besiya esikolweni ubenza baphelelwe ngumdla kuba baphela befumanisa ukuba abakonwabeli ukuya esikolweni.
“Ndinethemba lokuba urhulumente wethu uzakusigcina isithembiso sakhe sokwakha isikolo kwilali yethu,” utshilo.
“Nawe uyazibonela nje nokuba abantwana bavela esikolweni badinwe kakhulu, kwaye oku akukho sempilweni.”
UTaungana Ndoro osisithethi somphathiswa wesigaba semfundo yamabanga aphantsi kunye namabanga aphezulu uthe, urhulumente uzama ukufumana isisombululo ukuze abantwana bayeke ukubeka iimpilo zabo emngciphekweni besiya esikolweni mihla le.
Uqinisekisile ukuba bakhona abantwna abahamba amabanga amade besiya esikolweni, watsho esithi bokha izikolo kulolonke elalizwe ngenjongo zokunciphisa lomigama imide ihanjwa ngabantwana.
UBrian Mudumi olilungu lasePalamente waseMantla eMasvingo uthe ukhe wahlala nekomiti yasepalamente ejongene nezemfundo kwizikolo zamabanga aphantsi namabanga aphakamileyo, kwaye eyinanto bayinika ingqwalasela kukwakhiwa kwesikolo samabanga sphakamileyo kwilali yaseSanangwe.
“le yimizi emitsha kwaye urhulumente usekwizicwangciso zophuhliso kwezilali. Ukuphelisa ukutshata kwabantwana bebancinci kunye nabantwana abaphuma phakahi esikolweni, kufuneka kwakhiwe isikolo esizakuba kufutshane,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Abantwana besikolo samabanga phantsi kwilali yaseMasvingo bethandaza esikolweni
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Dalphine Tagwireyi