Umakoti uthengise indlu yasemzini ngobuqhophololo 

Ngu Doreen Mokgolo

Usapho lwakwaMoloi Kwa-Thema, Ekurhuleni lusele lungena ndawo yokufihla intloko, ngenxa yomakoti walo. 

Lomakoti ungumhlolokazi, uElizabetha Moloi uthengise indlu yosapho ngaphandle kwemvume yosapho, basala bengenandawo okwemipha echutywe yalahlwa.  

Kutyholwa ngelithi uMoloi ebetshate nomnye wabantwana abahlanu bakaMusona Moloi, uthe wathengisa ngokungekho mthethweni ikhaya lolusapho emva kokusweleka komyeni wakhe ngonyaka ka2020 lungena lwazi olusapho.  

Indlu yelikhaya yayibhaliswe ngegama likaMusona, wathi akusweleka yawela ezandleni zabantwana bakhe.  

Olusapho lukholelwa ukuba lomakoti, ufumene icham ngokuqokelela izazisi nempepha zabo bonke abantwana abebesweleka kwelikhaya, emva kokuzinikela ukubangcwaba kuba esithi wayebafake kumasingcwabane bonke.  

Lengoku, iphantsi kolawulo luka Sibongile Moloi, ekuphela komntwana ophilayo, ovumele abatshana bakhe abazinkedama – abangabazukulwana bakaMusona kunye nentsapho zabo ukuba bahlale kuyo.

Noxa kunjalo, kuthe kwakugaleleka ikhontraka izokuchitha lendlu, bothuka abatshana abahlala kuyo.  

“Sithe xasibabuza ngento abayenzayo, basixelela ukuba umnikazi omtsha wendlu ubayalele ukuba bayichithe. 

“Oku kusothisile kuba le yindlu yosapho,” utshilo uMichael Moloi. 

Ngelishwa, umnikazi omtsha walendlu kuthiwa uphesheya kweelwandle ngezoshishino kwaye akafumaneki. Mnye kuphela umntu olunxulumana naye usapho lwakwaMoloi, yindoda ebekwe ukuba igade lendlu.  

USibongile uzamile ukumisa inkqubo yokudilizwa kwalendlu kude kube lenyewe isonjululiwe, kodwa abasebenzi bekhontrakhi baqhubeke nokudiliza iindonga. Abatshana kungoku nje baphila noloyiko lokuba ezindonga zishiyekileyo zingabawela belele.  

Olusapho luthi ludikiwe kukuntlokothiswa lukhutshwa ekhayeni lalo. “Ngalo lonke ixesha sithetha, sigrogriswa ngamapolisa,” utshilo uSibongile, obebanjelwe ukuthuka enyanzelisa iimpendulo malunga nokuthengiswa kwendlu yakowabo ngobuqhophololo.  

UElizabetha Moloi, utsalelwe umnxeba ngenjongo zokuva icala lakhe, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lenyewe iphantsi kolawulo lwamagqwetha kwaye akukho nto azakuyithetha.  

Ukanti indlu yolusapho ingumngcipheko; kusezimfefe zomdali kwa ukuba kube ngoku ayikadilizwa ngumoya. Usapho lwakwaMoloi lufuna ubulungiswa kunye nekhaya lwalo libuye.  

Ufanekiso ongasentla: Indlu ewayo yekhaya lakwaMoloi eyathengiswa ngokungekho mthethweni ngumakoti welikhaya 

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo