
Ngu Songeziwe Mapukata
UBetusile Mcinga, oyimvumi yomculo wokholo kwaye ophumelele imbasa yengoma yonyaka ngengoma yakhe edumileyo ethi “Ngena Noah”, wamkelwe okweqhawe kwiDolophu yaseMthatha apho azalwa khona.
Amalungu asekuhlaleni, abasemagunyeni kunye neemvumi ezisakhulayo bezidibene kwisikhululo senqwelontaka eMthatha ukubhiyozela uloyiso lukaMcinga, kwaye umngcelele omise ngxi ukuhamba kwezithuthi uqhube wade waya kufikela kwiholo yedolophu iMthatha Town Hall.
UMcinga uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba unethemba lokuvuselela wonke umntwana womgquba ocinga ukuba yonke into ime endleleni yakhe yempumelelo, ingakumbi abo basemaphandleni, kufuneka bayazi ukuba amaphupha abo alungile kwaye bazakuwefeza.
“Ndifuna ukubabona bonke bebizwa ngabaphathiswa ukuba baye kwamkela iimbasa njengoko nam ndenzenjalo, ngenxa yokholo nokusebenza nzima,” utshilo.
Uceba ukuhamba ebonisa uluntu ngokubanzi lembasa yakhe kuquka izikolo, kunye necawa phantsi kwesihloko esithi igospile ayingomculo kuphela kodwa ngumyalezo.
Iimbasa zomculo zeMetro FM zange zabanayo imvumi yomculo wokholo iphumelela ingoma yonyaka, nto leyo yenza impumelelo kaMcinga iqaqambe nangakumbi.
Isithethi somasipala wesithili saseOR Tambo uZimkhitha Macingwane uthe, abantu abafana noMcinga babalisa ibali lokungalindi amathuba aziswe kubo kodwa bazivulela amathuba ngokwabo.
Umsitho wokwamkelwa kwalemvumi ubeyintsebenziswano phakathi komasipala wesithili iOR Tambo, Isebe lenkcubeko nobugcisa kunye nomasipala wasekuhlaleni iKing Sabatha Dalindyebo ukubonakalisa umbulelo wokubeka iphondo leMpuma Kapa kwindawo ebanzi emephini.
Impumelelo kaMcinga ibonakalisile ukuba isibhakabhaka asivaleli bani ekufezekiseni amaphupha akhe, kwaye unethemba lokuvuselela uninzi ukuba lulandele amaphupha alo ngokholo nokusebenza nzima.
Umfanekiso ongasentla: UBetusile Mcinga owamkelwe okwe qhawe ukufika kwakhe eMthatha
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe