Bamanywe yingoma abafundi bezilele ugxa wabo 

Ngu Zavela Makwabe noSongeziwe Mapukata

Kuthe kwakuphela amazwi emqaleni, babiza ingoma.  

“Unabantu bakho Thixo ngamaxesha onke,” itshilo ingoma ebebeyicula. Yingoma echukumisayo ngoko moya efumaneka ku259 kwincwadi yamaCulo ase Wesile.  

Ngaphandle nasezitalatweni zasePolar Park eQonce, igquba labafundi, ootitshala, abazali kunye namalungu asekuhlaleni ebedibene ngomculo nangomthandazo kucengwa umvelingqangi ukuba angenelele – kucelelwa usapho oluzilileyo ukuphola kwamanxeba.  

Abantu ekuhlaleni basaxhwalekile, kwaye banomsindo ngokubulawa kwetyendyana uKwalunga Mbatha ngoMgqibelo.  

Baqale badibana kwiholo iMoses Twebe Great Hall ngaphambi kokuba bahambe bayofika kwindawo yexhwayelo ekumgama odlula imizi emithathu kuphela ukusuka kwikhaya lika Kwalunga. Utyelelo kwindawo apho aswelekele khona beluzinyaswe nangamaqela amancinci ohlukeneyo ebhola ekhatywayo, asekuhlaleni.  

Udutyulwe yindoda engaziwayo, ebikwisithuthi ebesihamba. Emva koko lendoda iphumile kwisithuthi eso yamdubula izihlando ezibini entloko ngaphambi kokuba iphindele kwisithuthi eso inyamalale kwindawo yexhwayelo.  

Inqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iRichard Varha SSS uSicelo Adonis uthe bekunzima kakhulu ukuthulisa ootitshala kwaye abafundi ebefundanabo ibanga leshumi bebengathuthuzeleki.  

UAdonis uthe yilahleko engathethekiyo  kuba balahlekelwe ngumfundi obehamba phambili.  

“Ubenesakhono esimangalisayo kwizifundo zezibalo kunye nenzululwazi. Ebethandwa ngootitshala kuba ebethobekile, kwaye kukhangeleka ngathi bonke abantwana abenza ibanga leshumi bebemthanda kakhulu,” utshilo uAdonis.  

“Abahlali bambalule njengomdlali webhola ekhatywayo obenesakhono esimangalisayo, edlalela isigaba seligi engaphezulu kwebhola edlalwa ekuhlaleni.” 

UAdonis uthe ebebona injineli yangomso kwezenzululwazi, nangona lenkwenkwana ibinamaphupha okufundela ukuba ngugqirha kunyaka ozayo. 

Umphathiswa wesebe lezemfundo kweliphondo leMpuma Kapa uFundile Gade utyelele esisikolo kunye nosapho emva kwalenkonzo. 

“Sonke sizakusweleka, kodwa ngamaxesha ohlukeneyo, nangezizathu ezohlukeneyo kwaye leyo yinyaniso ekufanele sizilungiselele yona,” utshilo uGade. 

“Kufuneka sizame ukufumana uxolo nokwamkela into eyenzekileyo. Masingabi nomsindo. Masingaqalekisi.” 

Inkonzo yesikhumbuzo kaKwalunga ibibanjelwe kwesisikolo ngoLwesibini.  

“UNdodomzi” njengoko ebebizwa njalo lusapho lwakhe, uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo eDimbaza, eQonce. 

Usapho luxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ityala livuliwe, kodwa amapolisa akakakuqinisekisi oku.  

Umboniso ongasentla: Abafundi, abazali, ootitshala kunhye namalungu asekuhlaleni amanyene kuzilelwe umfundi olanduleleyo eli 

Imvelaphi yomboniso: Ngu Zavela Makwabe