Uphume ngebheyile uDJ Maphorisa emva kokubetha iqabane lakhe 

Ngu Buziwe Nocuze

Imvumi engu DJ kunye nomvelisi womculo uThemba Sonnyboy Sekowe, owaziwa ngelika DJ Maphorisa, unikwe ibheyile yamawaka amane eerandi ngoMvulo emva kokubanjelwa ukubetha iqabane lakhe.  

Ubanjwe ngeCawa eva kokuba exabene ngokumandla neqabane lakhe uThuli Phongolo, bexabana esidlangalaleni kwindawo ebebeyosebenza kuyo.  

Abazibonele ngamehlo bathi uMaphorisa ushiywe ngumsindo, bambone engena iqabane lakhe ngamangqindi, emqhwaba ebusweni kwaye embetha ngamanqindi esifubeni ngaphambi kokuba amthathe ayenaye kwiBhalkhoni apho aphinde waqhubeka nokumbetha.  

Ngethuba lokubethwa kwakhe, uPhongolo ubelwela ukuthatha umnxeba wakhe, othathwe nguSekowe ngexesha bebexabana.  

Samsung Galaxy 14G

Ixhoba lide lakwazi ukuthatha umnxeba walo laqhakamshelana nomanejala walo, oye wamthatha wamsa kwisikhululo samapolisa apho aye wabambisa khona uDJ Maphorisa. 

Abalandeli baka Sekowe bavakalise ukudana sisenzo sika saziwayo onguDJ womculo wamapiano, nalapho omnye avakala esithi: “Ukubetha bekunganyanzelekanga. Abantu baye bangavisisani ngalo lonke ixesha ebomini, kodwa akukho sidingo sokuba kubethwane.” 

Omnye wabalandeli wongeze ngelithi, “UMaphorisa kufuneka aziqhelanise nokubetha iskhululo sokushicilela, hayi amabhinqa.” 

UMaphorisa ubevele kwinkundla kamantyi eRandburg ngoMvulo, ejamelene netyala lokubetha. 

Ibheyile uyinikwe phantsi kwemiqathango yokuba angathethi niPhongolo nangaluphi na uhlobo lokuthetha nayo olunokwenzeka lubekhona.  

Umfanekiso ongasentla: Umveliso womculo okwanguDJ uThemba Sonnyboy Sekowe, odume ngelika DJ Maphorisa unikwe ibheyile yamawaka amane eeRandi 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter