
Ngu Celani Sikhakhane
Ubukumkani base Eswatini bujonge ukomeleza ubudlelwane babo nekumkani yamaZulu kunye nabantu bayo ngokubiza enye yeenqwelontaka zabo ngoKumkani uMisuzulu kaZwelithini.
Esisibhengezo senziwe emva kokuba inqwelontaka yeSwatini Airways ihlale kwisikhululo iLong Shaka International Airport eThekwini ngoLwesihanu, ihlawula ukuphehlelelwa nomzila omtsha phakathi kwase-Eswatini neKwaZulu-Natal.
UMoses Vilakati ongumphathiswa wezokhenketho kunye nemicimbi yokusingqongileyo Eswatini, uvakalise iminqweno yelizwe lakhe ukugcina ubudlelwane obuluqilima kunye nephondo laKwaZulu-Natal.
“Asikwazi kuyibalekela into yokuba sifuna ukubiza enye yeenqwelontaka zethu ngeKumkani yesizwe sakwaZuku,” utshilo uVilakati.
“Sele siqalile ukuyihlonipha ikumkani yaKwaZulu ngokuphehlelela umzila wethu wokuqala osingise kwisikhululo iKing Shaka International Airport. Ngako ke kuzakubaluleka kakhulu kuthi ukuba sibize enye yenqwelontaka zethu ngoKunkani wesizwe saKwaZulu.”
Sele kuphele iminyaka urhulumente waseSwatini uzama ukufumana isiqinisekiso sokuvula umzila oza eMzantsi Afrika, ngokukhethekileyo kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Ngokuphehlelela lomzila mtsha, lenqwelontaka izakubhabha phakathi kwase-Eswatini naseThekwini kathathu ngeveki.
Ngokutsho kukaNeville Matjie, oyingqonyela yeTared and Investment eKZN, lomzila mtsha wezothutho lomoya waseSwatini uzakuphinde uvelise umzila omfutshane ozakunceda uye eZimbabwe via eSwatini.
“Oku kuzakuncedisana nephondo laKwaZulu-Natal ukuthengisa ezokhenketho kunye nokuhlumisa uqoqoqsho,” utshilo uMatjie. “Kuzakuphinde kuncede iKZN inxulumane lula namanye amazwe eSADC ngenjongo yokuphuhlisa uqoqosho.”
Lomzila mtsha uzakunciphisa ixesha lokukhenketha phakathi kwezindawo zimbini lisuka kwiiyure ezintandathu liyotsho ngqo kwiyure enye.
Umphathiswa wesebe lophuhliso qoqosho, ezokhenketho kunye nokusingqongileyo uSboniso Duma uluqhwabele izandla oluphuhliso esithi, “Kuzakuba yinto yemvelaphi ukuvaleleka kuhola wendlela uN2 xa usiya eSwatini.”
Umfanekiso ongasentla: Inqwelontaka yokuqala yaseSwatini Airlines ihlale eKing Shaka International Airport eThekwini ngoLwesihlanu.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe