
Ngu Zukile Majova
Iqumrhu elilawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ibeke ngokusesikweni ingqonyela yokuqala elinina kwesisihlalo emva kokushiya kwesisikhundla uAdvocate Tebogo Montlanthe ngoLwesihlanu.
Umongameli weSafa uDanny Jordaan ubhengeze ukubekwa kuka Lydia Monyepao ngelixa kubanjwe inkomfa nonondaba ngoMvulo.
“Lo uzakuba ngowasetyhini wokuqala ukuba abekwe kwisikhundla sengqonyela kwaye aphathe ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
“Ngokuqinisekileyo phezolo isigqibo sekomiti kwintlanganiso ngamisekileyo ibe sisigqibo ekuvunyelweneyo ngaso nguye wonke ubani obekhona. Wonke ubani ukuvumile ukubekwa kukaLydia Monyepao njemge Ngqonyela yebhola ekhatywayo yoMzantsi AFrika.”
UMonyepao ulindeleke ukuba athethe norhulumente ngoLwesibini malunga nesicelo seSafa sokusingatha itumente yendebe yehlabathi yamanina yeFifa yonyaka ka2027.
Uthe ukulungele ukuqalisa lomsebenzi, kwaye unalo ulwazi ngeenkqubo zokufaka izicelo.
“Bendisebenza kufutshane kakhulu noAdvocate Motlante kwimiba emininzi kunye nezinto ezibalulekileyo malunga nebhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika, ngako ke ndinalo ulwazi lokuba kwenzeka ntoni, kwaye yintoni edingekayo ukuqhubela phambile.
“bendibandakanyeka kakhulu kwinkqubo yokufaka izicelo zonyaka ka2027, nakwibhola ekhaywayo yamanina kunye nezinye iinkqubo, ukanti zizihlangu ezikhulu ezi kufuneka ndizinxibile kodwa ndicinga ukuba kufuneka ndiyitshaye isaqhuma kuba ndinako konke okudingekayo.
“Ngako ke ndizakuluthatha okuxanduva nalomsebenzi ndiwuqhubele phambile.”
Lomdlali wayesaya kudlalela iBanyana Banyana, obekade ekwisihlalo sentloko yezemisebenzi ulindeleke ukuba angcibe intanda phakathi kweSafa kunye nePremier Soccer League, engakhange ifune ukubayinxalenye yomsitho iFootball Indaba obusinbgethwe yiFasa.
UMonyepao uza nolwazi enaso nesakhono kuba ufundile, ekuzezona zinto zimenze wangumgqatswa owulungeleyo lomdlalo.
Unemfundo enomsila kwizifundo zeBcom degree awazifumana kwidyunivesithi iUniversity of Witwaterstrand, iBcom Honours in Accounting awayifumana kwiDyunivesithi yaKwaZulu-Natal kunye neMasters in Sport Management awazifumana kwiziko iLoughborough e England.
Waphinda wabayinxalenye yamanina awazimase inkqubo yokuphuhlisa amanina kwibhola ekhatywayo eyayisingethwe yiFifa ngonyaka ka2019 iFIFA Women in Football Leadership Programme eyayibanjelwe eZurich.
Umfanekiso ongasentla: ULydia Monyepao linina lokuqala ukuba yingqonyela yeSafa
Invelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter