
Ngu Anita Dangazele
Kuphinde kwavela ukungavisisani kwakhona kuMasipala iNelson Mandela Bay (NMBM) njengoko uSodolophu omtsha walomasipala esinde ngokulambisa kwivoti yokuphelelwa lithemba ngakuye.
NgoMvulo ibhunga lomasipala iNMB bekulindeleke ukuba lenze ingxoxo-mpikiswano malunga nesiphakamiso sokuphelelwa lithemba kusodolophu uRetief Odendaal, usekela wakhe uMkhuseli Jack kunye nombhexeshi oyintloko uBill Harrington, kodwa isithintelo senkundla esifakwe ngu Odendaal sibangele ukuba ibhangiswe lentlanganiso ikhethekileyo.
Ngempelaveki iqela lamagqwetha ka Odendaal kunye naka somlomo webhunga uGary van Niekerk abhengeze esisiphakamiso njengesingekho mthethweni. Oku kubangelwe kukuba sivele njengesiphakamiso soxwebhu olutyikitywe ngooceba bemibutho ephikisayo.
Oluxwebhu lutyikitywe nguVan Niekerk, ilungu le Northern Alliance asebenzisana nalo uStag Mitchell, amalungu angamashumi amane anesibhozo eANC, amalungu asibhozo ombutho weEFF, ilungu elinye le PAC, ilungu le AIC kunye namalungu amabini ePatriotic Alliance.
INorthern Alliance iyinxalenye yorhulumento olulawulwa yimibutho ephikisayo ekhokhelwe yiDA, kwaye ukuba lombutho uvota kunye nemibutho ephikisayo ekhokhelwe yiANC, oku kuthetha ukuba limfiliba ikamva lombutho weDA kwiofisi kasodolphu.
Bezikhona iimpawu zobudlelwane obophukileyo kulawulo lwendibanisela yeDA kwezinyanga zimbalwa zidlulileyo, ingakumbi ngethuba iNorthern Alliance yayigrogrisa ngokurhoxa kobubudlelwane kuba iziva ngathi ibekelwa bucala kwizigqibo zemiba ebalulekileyo.
Usodolophu wombutho weDA uthethe kwikhasi lakhe lika Facebook ngoMvulo esithi akazuvumela inzame zokuphembelela ungquzulwano zimenze angawenzi umsebenzi ajamelene nawo.
Noxa izinto zisengecala lendibanisela ekhokhelwe yiDA, kodwa kuzakubonakala ngolwesihlanu ukuba inkundla izikuwisa isigwebo esithi mayiqhubeke okanye ibhangiswe kusini na intlanganiso ekhethekileyo yebhunga lalomasipala.
Umfanekiso ongasentla: Usodolophu womasipala iNMB uRetief Odendaal ese ofisini
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook