
Ngu Songeziwe Mapukata
Iinqununu zezikolo zinyanzeleka ukuba zikhuphe izikolo emini emaqanda, lingekafiki ixesha lokuphuma kwesikolo kummandla wasithili saseAlfred Nzo kuba izikolo zephondo leMpuma Kapa azikayifumani imali yokuthenga ukutya kwabantwana.
Inqununu ecele ukuba igama layo lingadizwa ithe, ezinye izikolo bezithenga ukutya ngetyala ukuze zikwazi ukutyisa abantwana.
“Uninzi lwabafundi bethu basuka kumakhaya angathathi ntweni kwaye baxhomekeke kukutya abakufumana apha esikolweni kuphela. Okukutya bakufumana esikolweni kuphela kokutya abanako, ngako ke xasibaxelela ukuba akukho kutya, bayalila,” utshilo.
Wongeze ngelithi babhenele ekubeni abantwana babakhuphe emini emaqanda esikolweni kuba bayalamba esikolweni kwaye akukho nto banokuyenza.
Sele kuphele iiveki ezintathu zivuliwe izikolo kwikota yesibini, kodwa ukutya akukafiki kwizikolo zesisithili.
Umphathiswa wesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Kapa uFundile Gade uthe olulibaziseko lubangelwe lisebe apha ephondweni ngokusilela ukuqinisekisa iinkcukacha ezithile zezikolo, nto leyo ayibiza “ngokungakhathali kwezolawulo”.
“Emva kokuqinisekisa ukuba imali ikhona ngenyanga yoMnga, ibilindeleke ukuba iphele ngenyanga kaTshazimpuzi. Ngako ke inkqubo zethu zokuhlawula bekufanele zilungisiwe, ukuze singabonakali ngathi asinamali yokuhlawula izikolo ngenkqubo yokutyiswa kwabantwana, kuba ngenene imali ikho ngokwaneleyo.”
isebe lezemfundo lixolisile kuluntu ngokubanzi ngokusilela ukuthumela imali kwibhanki zezikolo.
UGade uthe intloko yesebe ibinikwe uxanduva lokuthumela imbalelwano kubo bonke abantu abachaphazelekileyo ephondweni abafana namaqumrhu alawula izikolo kunye nabafundi.
“Ngokwengxoxo esibenazo nentloko yesebe, sithe kubalulekile ukuba amagosa aphendule ngoku, ukuze eluntwini singakhangeleki njengabantu abangakhathaliyo,” utshilo uGade.
“Into engenakuphikwa kukuba abantwana basokole ngenxa yolawulo olugwenxa, ebekufanele ukuba yonke into ilungiswe kwangexesha elihle. Imali izakuba isezibhankini zezikolo ngolwesibini.