
Ngu Celani Sikhakhane
Sele kuphele iintsuku abahlali bamatyotyombe eCato Manor bengenamanzi acocekileyo. Ngaxeshanye uceba wabo useziseleni ngezityholo zokubulala – kodwa uhlawulwa umvuzo wamawaka angamashumi amahlanu eerandi.
Uceba uMuzimuni Ngiba wombutho weANC sele ecithe isithuba esiphantse sifikelele kunyaka evalelwe kwintolongo yaseWestville ngokubulala omnye usopolitiki wombutho we ANC.
Abahlali bakwaWard 101 phantsi komasipala wseThekwini kubphele iintsuku bengenawo amanzi acocekileyo. Njengoko uNgiba ebotshiwe, abanaye uceba abanokuxela kuye lengxaki.
Lengxaki ikhawulezileyo yokunqongophala kwamanzi ibangele ingxwabangxwaba phakathi kwezikhulu zomasipala waseThekwini, ezilindeleke ukuba zisuse nawuphi na uceba kuluhlu looceba abahlawulwa ngumasipala ukuba nje baphose iintlanganiso zebhunga likamasipala ezingaphezulu kwesithathu.
Inkokheli yeActionSA KwaZulu-Natal uZwakele Mncwango unyanzelise inkcazelo ekhawulezayo kusomlomo webhunga uThabani Nyawose malunga nonobangela wokuhlawulwa kukaNgiba kude kube ngoku.
“Sifuna uphando olusemthethweni ngalemeko kuba kucaca kamhlophe ukuba kukhona abantu abahlawulwa ngumasipala bengafanelekanga, abafana noNgiba,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa uMngcwango.
UNgiba wabanjwa kwiinyanga ezimbalwa emva kokonyulwa abenguceba kunyaka ophelileyo – ngezityholo zokubulala elinye ilungu leANC uSiyabinga Mkhize, wazihlahlela indlela ukuze athathe isikhundla sikaMkhize njengoceba kunyulo loorhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021.
UMkhize wadutyulwa wabulawa ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka2021 ngethuba wayezula zula egayela umbutho weANC ivoti.
Kumngcwabo wakhe, uNgiba wayekhokhele abazili kwaye eyeyona ndoda ithenjiweyo lusapho lwakwaMkhize. Ngenyanga yoMdumba, umbutho weANC wafaka uNgiba ukuba avale isikhewu sikaMkhize – kodwa wabanjwa ekupheleni kwalonyanga ngokubulala ugxa wakhe.
Umbhexeshi oyintloko wombutho weDA uThulani Mthethwa ubanga ngelithi uMkhize sele ehlawulwe umvuzo ofikelele kumawaka angamakhulu amahlanu eeRandi nangaphezulu kulonyaka – ngelixa kanye esentolongweni. Ngolwesihlanu iDA iphakamise ukususwa kuka Ngiba kwibhunga, kwaye kulindeleke ukuba esisiphakamiso sixoxwe kwintlanganiso elandelayo yebhunga.
UMthethwa uthe eyona nto ibuhlungu nangakumbi kubahlali bakwa ward101 kukuba bayasokola abafumani zinkonzo ezifana namanzi ezisilelayo kubo, kwaye akukho gosa isemthethweni ekulindeleke ukuba lisabele kwingxaki zabo.
Isithethi somasipala waseThekwini uLindile Khuzwayo uthe iyaqhuba inkqubo yokususwa kuka Ngiba, kwaye lenyewe inikwa ingqwalasela ngusomlomo uNyawose.
Unfanekiso ongasentla: UMbutho weActionSA ubambe uqahnkqalazo kwiholo uaseThekwini unyanzelisa ukususwa kuka Ceba uMuzimuni Ngiba
Imvelaphi yomfanekiso: Ngumbutho weActionSA