Kukutshwe umkhosi wokhuselo weli ozakugada amaziko kaEskom 

Urhulumente uthumele umkhosi ukuba ukhusele amaziko okuphehla umbane akwa Eskom ukuze kungabikho nto ibiwayo, okanye konakaliswe kuba ezi zezona zinto zibangela kubhebhetheke imeko yokunqongophala kombane kweli. 

Oku kuza kanye ngexesha inkqubo yokucinywa kombane inyuke yayakutsho kwisigaba sesihlanu. 

IOfisi kamongameli ithe ngamajoni angamakhulu asibhozo anamashumi asibhozo azakubekwa kumaziko akwa Eskom de kube nguhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yeDwarha – nalapho elinani lilincinane kunamajoni atyalwa ngenyanga yoKwindla noTshazimpuzi apho kwatyalwa amajoni angamawaka amabini namakhulu asixhenxe kulamaziko.  

Kusenjalo, ngolwesihlanu inkundla ephakamileyo yasePitoli ikhuphe isigwebo sokuba iinkonzo ezingundoqo ezifana nezibhedlele zikarhulumemte, amaziko empilo kufuneka abekelwe bucala angabandakanywa kwinkqubo zokucinywa kombane, kwaye kufuneka umphathiswa wamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan “athathe amanyathelo abalulekileyo” ukuqinisekisa ukuba kuyenzeka zingaphelanga iintsuku ezingamshumi amathandathu.  

Iqulunqwe nguAnita Danngazele 

Samsung Galaxy 14G

Unfanekiso ongasentla: Isikhululo sokuphehla umbane sakwa Eskom