
Ngu Mlungisi Gumede
Umbutho weIFP ujamelelene novukelo lwangaphakathi malunga nelungu elizakuba yinkokheli, libe bubuso balombutho njengoko kujongwe unyulo lukawonke wonke kunyaka ozayo – uPrince Mangosuthu Buthelezi okanye umongameli walombutho uVelenkosini Hlabisa.
Iqonga Leendaba iScrolla.Afrika lixelelwe ngumthombo othembekileyo walombutho ukuba uHlabisa ulwela isikhundla esiphezulu malunga nomgqatswa walombutho ozakuba kwizinga eliphezulu lokongamela lombutho kwiphondo laKwaZulu-Natal. Kwesisikhundla uqubisana nosihlalo wephondo uThami Ntuli.
Amalungu alombutho anxiba omakufanwe bezikipha ezinobuso bukaHlabisa azakurhuqwa emalahleni engcikivwa. Ukanti uNtuli ubalwa njengongqondongqondo opheka iyelenqe lokubeka ityala onke amalungu anxiba izikipha zalombutho ezinobuso buka Hlabisa.
Oku kunyanzelise impendulo kunobahla kazwelonke wombutho weIFP uSiphosethu Ngcobo, okhuphe imbalelwano enamandla isiya koonobhala bezithili becelwa ukuba badlulise uluhlu lwamagama amalungu abonwe enxibe isinxibo salombutho esinomfanekiso kaHlabisa endaweni yokunxiba ezinomfanekiso kaButhelezi.
Imbalelwano ebonwe liqonga lendaba iScrolla.Africa, ibhalwe ngomhla wesine kwekaCanzibe ifundeka ngoluhlobo: “Ngako ke niyacelwa ukuba nidlulisele ngaphambili uluhlu lwamagama neenkcukacha zawo onke amalungu, okanye abantu besithili sakho abaziwa ngokuba bebenxibe, okanye abanxibe isinxibo esine logo ye IFP kodwa ingenabo ubuso bomseki walombutho okwangumongameli uEmerituis Prince Mangosuthu Buthelezi, kodwa banxibe izinxibo ezinobuso bomongameli okhoyo ngoku uVF Hlabusa, bephikisana nesivumelwano esathathwa ngulombutho. ezinkcukacha kulindeleke ukuba zidluliselwe kwi ofisi yam xa kuphela usuku loshishino umhla weshihlanu kwekaCanzibe.”
Ilungu lalombutho elithethe neqonga leendaba iScrolla.Africa licela ukuba lingadizwa lithe injongo yeliphulo kukubekela bucala uHlabisa. Uthe akukho nto igxekekayo ngokunxiba isikipha esinobuso buka Hlabisa, kuba ungumongameli walombutho.
“Asazinto ngesivumelwano esivalela thina ukuba sinxibe omakufanwe bombutho abanobuso buka mongameli, kodwa sazi isivumelwano esathi kufuneka sinikezele unyaka ka2021 kumseki wombutho kunye nakwiminyaka ezayo.”
UNgcobo uthe uqaphele ukuhlaselwa kombutho weIFP kunye nomseki wayo malunga nembalelwano yangaphakathi ebeyithumele kumasebe alombutho. Wongeze ngelithi nangona ingesosiqhelo kuye ukuthetha ngemiba yangaphakathi kulombutho esidlangalaleni, ubone kufanelekile anike intsusa yokukhutshwa kwalembalelalwano, njengoko itolikwa ngendlela engeyiyo.
I-IFP ngokufanayo namanye amaqela ezopolitiko, ibilungiselela ukugaya ivoti ilungiselela unyulo lonyaka ka2024 kwaye iqalisa iingxoxo zangaphakathi malunga nokuhlonitshwa kweliqela, esithi akukho mntu unokuphikisa ukuba uPrince Mangosuthu Buthelezi ngoyena mgqatswa ufanelekileyo ukuba oyanyaniswe nalombutho. UNgcobo uncoma impumelelo yeIFP kunyulo lovalo zikhewu esithi oku kwenzeka ngenxa yodumo nokuhlonitshwa kwelifa lika Buthelezi.
“Kungenxa yelifa lakhe nokuzimanya kwakhe kwizenzo ezilungileyo kunye nobunkokheli bakhe obuliqilima obubangele i-IFP ikhule ngokukhula kunyulo lovalo zikhewu. Ibhunga likazwelonke lombutho weIFP – elililo elithatha izigqibo ngemiba ebalulekileyo – libone kufanelekile ukuba livuselele iziphakamiso izigqibo zalombutho ezathathwa ngonyaka ka2019 no2021, ukuba liqhubeka lisebenzisa ubuso bomseki walombutho njengembonakalo yalombutho.
“Imbonakalo yethu ngamandla kuthi, kwaye ukuhlonipha imbonakalo yombutho kubaluleke kakhulu njengoko sijonge kulonyulo esifuna ukongeza amanani nangakumbi kulo, ngonyaka ka2024,” itshilo lembalelwano.
Inzame zokufumana amazwi kuNtuli ziphanzile zonke, njengoko umnxeba wakhe ubungaphendulwa kwaye nemiyalezo khange ayiphendule, lade labe elinqaku liyapapashwa.
Umfanekiso ongasentla: Umongameli weIFP uVelenkosini Hlabisa.