Ilahleko ebangelwe kukutyhuthulwa kweFish River Resort 

Ngu Anita Dangazele

Njengoko lisothukile ilizwe, zothuke nangakumbi iinkokheli zoluntu lwasePrudhoe emva kokutyhuthulwa konakaliswe ihotele iFish River Resort kude kufuphi ne Port Alfred. 

UGladman Tom oyinkokheli yasekuhlaleni osuka kwikomiti iPrudhoe Community Trust uthi abahlali baxhelekile sesisenzo kuba bebenethemba lokuba lehotele izakubakhupha kwintlupheko.  

“Sikhathazekile, abantu bayakhalaza, abanye bayalila. Bebenethemba lokuba esisakhiwo sizakubenzela ubomi obungcono, kodwa ngoku simoshakele, kwaye sigugile,” utshilo.  

Noxa kunjalo uTom uvumile ukuba kungenzeka abophuli mthetho bahamba nabo apha ekuhlaleni. 

Samsung Galaxy 14G

“Ndithethile nenkumanda yesikhululo samapolisa, ndamxelela ukuba kufuneka senze ugqogqo singene umzi nomzi kuba ezinye zezinto zikwalapha ekuhlaleni, kuphela kwendlela esizokwazi ngayo ukuba ngobani abaqhekezileyo.” 

Kutyholwa ngelithi isikhululo samapolisa sasePrudhoe sinamapolisa amathathu kuphela ngexesha, kwaye sinye kuphela isithuthi samapolisa esasikhona ngethuba lokutyhuthukwa kwale hotele.  

UTom uthe beyile komiti yabadanisa into yokunikwa umhlaba omkhulu kangaka kunye nehotele yodidi oluphezulu ngaphandle kwezixhobo okanye inkxaso evela kurhulumente ukuqinisekisa ukuba kwenziwa unikezelo oluyimpumelelo.

“Ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoMqungu sahlala nomphathiswa wesebe lezolimo uThoko Didiza, owathi bazakunikezela ngesisakhiwo ngempelanyanga kweyoKwindla ngonyaka ka2022 kuba urhulumente akanamali yokuqhubeka ehlawula inkampani ayiqeshele ukuba igcine esisakhiwo.  

“Ngenene sanikwa zonke iimpempha zesakhiwo ayikho enye into esayinikwayo, akukho nditsho inkxaso le. Kudala sicenga urhulumente ukuba aqeshe onogada. Kodwa basixelela ukuba abanamali, ukuba sifuna onogada masibathengisele amanye amasimi ethu.” 

Isebe lezolimo, ukuvuselelwa kwemihlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, laqesha inkampani iMantis ukuba ijonge esisakhiwo ngethuba kusagquba imbambano malunga nobunini bomhlaba. Kutyholwa ngelithi elisebe lalihlawula lenkampani imali ezizigidi ezibini namawaka angamakhulu amathathu ngenyanga.  

Inkampani iMahalaX, eyatyikitya isivumelwano sokusebenzisa esisakhiwo iminyaka engamashumi amane anethoba kunye negxowamali yabahlali, ithe kwathi kwintsuku ezimbalwa emva kokuthathela kuyo ulawulo kwalendawo, kwafika igquba labantu abazibiza ngabanikazi abasamthethweni balendawo, nangona bona babesazi abanikazi balendawo ingabahlali basePrudhoe, phantsi kwePrudhoe Development Trust. 

“Utyelelo lwababantu lwaya luxhaphaka kwinyanga ezilandelayo, nalapho babedla ngokuqhankqalaza bevala indlela engena kule hotele, bajongele phantsi abasebenzi ngelixa benyanzelisa ukunikwa nezinye izinto abanokuxhamla kuzo, kwaye bephikisana nekomiti yabahlali basePrudhoe.” 

Ngokokutsho kwenkampani iMahalaX, eligquba laphela lithathela kulo ulawulo lwale hotele ngenyanga keThupha ngonyaka ka2022 kwaye banyanzelisa ukukhutshwa kwabasebenzi, kunye namalungu angamashumi amane anesibhozo aseBritane awayeshicilela umboniso bhanya bhanya kule hotele.  

Lenkampani, yafumana ilahleko enkulu kakhulu kwaye zange ikwazi ukuphumeza izithembiso zayo kwingxowa mali yabahlali.  

“Inkampani iMahalaX yayingekho kwimeko yokuba ikwazi ukuxhasa ngezimali okanye ibuyisele intsebenzo kulehotele de kube kufike ixesha lokuba isithintelo senkundla senziwe sibe sisigxina [ngenyanga yeNkanga ngonyaka ka2023] kwaye xa sele kucacile ukuba imbambano yasekuhlaleni echaphazela abantu basePrudhoe iphelile.  

Ushicilelo olungasentla: Ihotele iFish river 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.