
Ngu Ruzeen Gutta
IArsenal kunye neWest Ham zibuye nempumelelo kwimidlalo yempelaveki zidlala neNewcastle kunye neManchester United kwaye zilwenze lufutshane ugqatso lokufumana indebe kunye nezikhundla zamaqela amane aphezulu kwiPremier League.
Ibala lemidlalo iSt James ibililo ebelisingethe imidlalo yokuqala emibini, nalapho iArsenal ifike kuledolophu inethemba lokuhlala iqhube nokhuphiswano lwalendebe.
Umdlali wegunners skipper uMartin Odegaard ubekhokhele ngaphambili ebatsala abadlali zafumana umtyhi iindwendwe usaqala nje umdlalo, kwimizuzu nje emihlanu isigqibo esenziwe ngokubukela iVAR sibangele ukuba ichithwe ipenathi yeNewcasttle United.
Iqela ebelisingethe umdlalo lifutshanisile, lawuthathela kulo umdlalo kwaye atsho alingana amathuba okufaka amanqaku kulo kunye neqela ikaMikel Arteta ngokuya uqhuba umdlalo. Ngelishwa bathe xabewubona umnatha, yabe bekwicala elingalunganga.
Khage abenantlahla kwaphela uFabian Schar, njengoko ekwazile ukufumana ukubamba ibhola kaGabriel Martinelli njengoko idlule ku Nick Pope iyongena emnatheni.
Lomdlalo uphele ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova ngakwicala leArsenal, nalapho iqela laseLondon lifumene ukukholelwa ukuba liya kwimidlalo emithathu yokugqibela lishiyeke ngephuzu elinuye kuphela phakathi kwalo ne City, nangona iintshatsheli zisengasemva ngomdlalo omnye.
Ukanti uxokozelo lwangeCawa bekusekude kakhulu ukuba luphele, kuba iManchester United ibijonge kwibala lemidlalo eLondon lizakudlala ne West Ham kumdlalo wangokuhlwa.
USaid Benrahma kukhangeleke ngathi uzakuwuphumelela lomdlalo, kuba ufumene inqaku kungekafikwa nakwimizuzu engamashumi amathathu uqalile umdlalo. Oku kuqinisekise ukhuseleko lweWest Ham kwimidlalo yePremier League.
okwenze izinto zabambi nangakumbi kukuba iqela leRed Devils, iqela likaDavid Moyes khange linikwe ndawo icacileyo ukuba likhabe ibhola yalo ngaphambi kwesiqingatha sokuqala,
Kwisigaba sesibini iqela leUnited belilubambile ulawulo lwebhola, kodwa iqela ebelisingethe lomdlalo likhangeleke lisiba noburhalarhume kakhulu kwimizuzu engamashumi amathathu yokugqibela, kodwa ekugqibeleni babambelele kwinqaku labo elinye elibancedileyo.
ezi ziziphumo ezizakuwonwabisa amaqela eLiverpool neBrighton, kodwa iReds sisengasemva ngenqaku elinye kwiqela elikhuphisana nalo ngangona linemidlalo emininzi kunalo.
ISeagulls zona zingasemva ngamanqaku asibhozo kwiRed Devils, kodwa zisenemidlalo emibini eziseza kuyidlala necala lika Erik Ten Hag.
imidlalo yokuqala izakuba yeyokukhutshwa kwamaqela asemsileni ukuquka iEverton ngokuhlwa kwangomvulo, kwaye umbhodamo wempelaveki kulindeleke ukuba qhube kuleveki iqalayo njengoko imidlalo yesizini iya ifikelela kuvutho ndaba.
Umfanekiso ongasentla: USaid Benrahma
Imvelaphi yomfanekiso: @WestHam