
Ngu Anita Dangazele
Kunyaka ophelileyo ihotele yodidi oluphezulu kwiphondo leMpuma Kapa kwakufanele ilungiswe ngemali efikelele kuR500 million, kodwa oku kwaphelela emoyeni emva kokonakaliswa kwalehotele ngempelaveki enye.
Kwisithuba nje esingaphezu konyaka esidlulileyo, iFish River Resort ekude kufuphi ne Port Alfred kwiphondo leMpuma Kapa ibisingethe abavelisi bemiboniso bhanyabhanya bamazwe ehlabathi abafikelele kumashumi amane anesibhozo.
Kwakulindeleke ukuba iphuculwe ngemali efikelele kumakhulu amahlanu ezigidi zeerandi, kuquka nokwakhiwa kwezindlu zokudidiyela imiboniso bhanyabhanya yodidi lwehlabathi.
Le hotele eyayi yeyabahlali basePrudhoe, yayiphethwe yinkampani ebizwa iMahalaX, ekwakuyiyo ejongene nokuzisa abatyali zimali.
Ukuphuculwa kwayo, kwakuzakuvula amathuba amatsha engeniso kulomhlaba, abahlali kunye nendawo ezingqongileyo. Ngenyanga yesilimela kunyaka ka2022, kwaqalisa kwashicilelwa inkqubo i-Survivor SA isizini yethoba kulehotele.
Kodwa ezizicwangciso zanyanzeleka ukuba zinqunyanyiswe kwinyanga nje ezimbini zesivumelwano, emva kokuba iqela elithile lembumba yabahlali (Community Trust) lanyanzelisa ukuba yinxalenye yolawulo lwezimali namaqithi qithi onke afumaneka ngalehotele kwaye akhupha onke amalungu (48) enkampani yehlabathi awayeshicilela umboniso kule hotele.
IMahalaX zange ikwazi ukufezekisa izibophelelo zayo zezimali kwingxowa mali yabahlali basePrudhoe kwaye yanzanzeliswa ukuba ishiye phantsi kwesisivumelwano.
UReggie Ngcobo osisithethi sesebe lezolimo, uhlengahlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, uthe isebe lalingeyo nxalenye yokusebenza kwale hotele kodwa uchazile ngesivumelwano.
“Besisazi ukuba abahlali basePrudhoe, ngokusebenzisa ingxowa mali yabo, bangene kwisivumelwano sokunikezela ngomhlaba kwinkampani iMahalaX ukuba isebenzise lehotele,” utshilo.
“Lenkampani ibinenjongo zokwenza umzimveliso wokushicilela kwakule hotele. Abahlali baqukumbela esisivumelwano bebodwa kwaye isebe belingeyonxalenye yesisivumelwano.”
Umfanekiso ongasentla: Isango lokungena eFish River Resort
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe