Kuzokwaziwana ebaleni phakathi kweBulls neStomers

Ngu Dylan Bettencourt

EZEMIDLALO: Ngaphandle kwamathandabuzo, iWestern Province zizidlele itheko kwiBkue Bulls kwiveki ephelileyo. Kodwa oko kungangenzeki kuleveki.  

Ewe, kunzima ukukholelwa ukuba umdlalo phakathi kweBulls neStomer ngoMgqibelo awuzi kuphunyelelwa ziStomers, kodwa uwily old foe, umqeqeshi uJake White udume ngokunethwa kwimidlao engenamsebenzi nokuphumelela imidlalo ebalulekileyo. Kwaye lo, ngkuhambelana ne United Rugby Championship, ngowona mdlalo ubaluleke kanobom. Ingaba iBulls zizakuzibonakalisa? 

Ngakwiqela leStomers, uEvans Roos kufanele abe semandleni ngokupheleleyo, kwaye uDeon Fourie, indoda ezakuba ligqala lamabhokobhoko ngenye imini bazakuba bekuliungele ukudlala. Sisathetha ngokubasemandleni nesantya esiphezulu, kunye namagqala angomso, uSacha Mngomezulu uzakube ekhona naye kulomdlalo.  

Ingaba ucingantoni ngokhuohiswano oluphakathi kuka Kurt-Lee Arendse kunye no Damian Willemse? Ingaba uWillemse uzakwazi ukuvalela uArendse weBulls? 

Samsung Galaxy 14G

Konke oku sizakufumanisa ngenjikalanga yangoMgqibelo ngecala emva kwentsimbi yesithathu. 

Ukuba uyakholelwa kwimimangaliso, ngoku ixesha lokuqakisa uthandaze. Ukuthetha inyaniso, ngummangaliso kuohela onokusindisa iSharks kuloyiso lweLeinster eDublin. 

ISharks zizakube zidada kudlao ongabekelwanga bona njengoko kukholeleka ukuba kuzakunetha, kuzakube kubanda kanobom kwaye iLeinster izakibe ivutha amalangabe ngalomzuzu kanye. Iminqweno emihle kwiSharks! ningalibali ukuba siyanithanda.  

Bukela lomdlao ngentsimbi yesithandathu ngenjikalanga yangomgqibelo.  

Indebe yeCurrie Cup ingakhangeleka ingekhi matheni ngenxa yeURC, kodwa awunoze uzisole ngokubukela imidlalo emithathu yangoMgqibelo ukubanje unalo ixesha.’ 

IPumas kuzakufuneka zibuyisele umfutho wazo njengoko zizakudlala neGriffons (ngentsimbi yokuqala) emva kokudlala ngendlela engakholisiyo kumdlalo wazo neLions.  

ICheetahs zona zizakufuneka ziqinisekise ukuba zisemfuthweni ukuze zigcine indawo yazo ephezulu kwilog, xa zidibana neWestern Provinve ( ngentsimbi yesithathu malanga). IBlue Bulls zona zizakudlal ne Sharks ePitoli (Ngemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesihlanu). Ngaphandle nje komdlalo wempindezelo, kuba omabini lamaqela akakhange adlale ngendlela encumisayo kulesizini. 

Yonke imidlalo yombhozo izakube isasazwa ngqo kwiDStv itshaneli u201 okanye u211. 

Iqela leArsenal lijamelene novavanyo olunzima kwinzame melana neManchester City evutha amalangabe kulempelaveki. 

IGunners zona zizakuthatha uhambo oluya eNewcasttle ngeCawa ngecala emva kwentsibi yesihlanu gethemba lokuba zizakuhlala zikufuphi phezulu ngokoluhlu lwelog. 

Iqela elisenchochoyini kwilog iManchester City izakuqubisana neLeeds United, ebeke uSam Allardyce ukuba enze imimangaliso ezakubagcina bephezulu kwilog ephambile eInglamd.  

Lomdlalo uzakuqala ngentsimbi yesine ngoMgqibelo.  

Imidlallo yePrenier League izakube idlala ngqo kutshanel 203 weDStv. 

Imidlalo yeFormula 1 ibuyelela impelaveki yesibibi zilandelelana, kwelityeli izakube iseUnites States kumdlao iMiami Grand Prix. 

Iqela leRed Bulls belihamba phambile kwixesha elidlulileyo eAzerbaijan kwaye amarhe athi kulempelaveki zizakubonakalisa ukudlala okungaphezulu kweveki ephelileyo, ngako ke kuninzi oma ukulindele.  

Fumana isiselo sakho samandla (noba yiRed Bull, hey?) njengoko ukucinywa kwezibane kulindeleke ngentsimbi yeshumi ebusuku ngeCawa. 

Yonke imidlao yeFormula 1 izakube isasazwa ngqo kuDStv Channel 215. 

Umfanekiso ongasentla: IWestern Province iqubisana neBlue Bulls 

Imvelaphi yomfanekiso: WP Rugby