Kudutyulwe ipolisa enkundleni yaseGqeberha lasweleka ngoko na ngoko

Ngu Anita Dangazele

Uloyiko nentlungu ibigubungele inkundla kamantyi eMotherwell eGqeberha ngoLwesithathu emva kokuba umrhanelwa oxuthe umpu wepolisa elisebenza kule nkulenkundla uMario Nel waza wamdubula ngawo entloko.  

Isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe uchaze ngokubulawa kwelipolisa ngelithi, ingxelo zokuqala zibonakalise ukuba umrhanelwa ungene kwisakhiwo salenkundla malunga nemizuzu engamashumi amabini ibethile intsimbi yethoba kusasa.  

“Emva koko woxuthe umpu welungu lenkonzo yesipolisa walidubula ngompu walo womsebenzi ngaphambi kokuba acele kwabanentsente.” 

Kuthe ngelixa amapolisa esahlola indawo yexhwayelo, amanye aphume ngokukhawuleza esiya kwizithuthi zawo. 

Samsung Galaxy 14G

Kuphume imoto ezintlanu ebuncinaneni zisuka kulenkundla, njengoko kufike isilumkiso sokuba amanye amapolisa ayahlaselwa kwisitalato esingekudanga nalenkundla.  

Amalungu ecandelo lamapolisa alwisana nobundlobongela  i-Anti-Gang Unit (AGU) abesenza ugqogqo kufuphi axelelwe ngumqhubi wetaxi ukuba umrhanelwa ungaphakathi kwisithuthi sakhe ngoku layita izibane zesithuthi, ngaphambi kokuba amise isithuthi eso kufutshane nepali.  

Ngokutsho kukaMathe, umrhanelwa udubule kuqala ze amalungu e-AGU aphindisa nawo ngembumbulu.  

“Ngoko nangoko umrhanelwa uvulele ngembumbulu emapoliseni, athe aphindisa nawo ngeembumbulu. 

“Umrhanelwa ufumene amanxeba okudutyulwa yimbumbulu kwaye ubalekiselwe esibhedlele ephantsi kweliso lamapolisa,” utshilo uMathe. 

Ngokutsho kwesithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uBrigadier Thembinkosi Kinana, abakhweli ebebekwisithuthi bakwazile ukuphuma bengakhange bonzakale.  

Uthe umpu wepolisa eliswelekileyo ufunyenwe kwindawo yexhwayelo kumgaqo iSisulu Street.
  
NgoLwesine bekusabonala iintsalela zesiganeko sangoLwesithathu, amakhoba eembumbulu esathe saa kule ndlela.

Oogxa baka Nel bamchaze njenge nene lendoda ebithanda ukuqhula kuhlekwe noogxa bakhe.  

“Ebesoloko enxibe izipeksi eziluhlaza, kwaye besihleka siqhula njengazo zonke iintsuku. Ubengumntu ebekumnandi ukuthetha naye,”utshilo omnye wogxa bakhe.  

UMathe uthe besele kuphele iminyaka elishumi elinesithandathu uNel elipolisa.  

Umfowabo uNel, uLuzaan uthe usapho alukakulungeli ukuphawula okwangoku.  

Umfanekiso ongasentla: Izithuthi zamapolisa ngaphandle kwenkundla kamantyi ebiyelweyo eMotherwell 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe