
Ngu Everson Luhanga
USibusiso Mahlangu watsha wangqungqa endlini yakhe ngosuku lwenyibidyala ngonyaka ka2022. Kodwa isimanga wayekhona emngcwabeni wakhe ezifihlile esitya kunye nabazili.
Yena kunye nenkosikazi yakhe uLerato Mahlangu, osebenza kwinkampani ethengisa iipolisi zokungcwaba, bangabarhanelwa abaphambili kukufa kwendoda eyayikulo bhokisi: uSibusiso Sithebe.
Esisibini besivele phambi kwenkundla kamantyi eSoshanguve ngoLwesine, ngezityholo zokubulala nokuba ngumqobo endleleni yobulungiswa. Batyholwa ngokuxhamla ngokungekho mthethweni kwipolisi exabisa izigidi zeerandi.
Umngcwabo kaMahlangu wabanjelwa eTshwane kwintsuku ezisibhozo emva kosuku “wasweleka” ngalo, umhla wethoba kweyoMqungu. Uninzi lwabahlobo bakhe nosapho lwakhe lwafika ukuzokuzilela ukusweleka kwakhe – kwaye babengena lwazi ukuba nguSithebe obuleweyo owayengcwatywa.
Kwaye babengazi kwaphela ukuba uMahlangu usahamba ngeenyawo zakhe, kunye nabantu abazilele ukufa kwakhe. Iqonga leendaba iScrolla.Africa lazisiwe ukuba wayenxibe umnqwazi kunye nentshebe yobuxoki. Akukho namye owakhe wabuza malunga nalendoda ingaziwayo.
Kwelinye icala, usapho lukaSibusiso Sithebe lwalusele lumchaze emapoliseni njengomntu olahlekileyo.
Kwisithuba esingaphezu konyaka, umthetho umbambile uSibusiso osaphilayo. Ubanjwe ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaTshazimpuzi emva kokufunyaniswa eqhuba uhlobo lwesithuthi esachazwe njengesibiweyo eWitbank eMpumalanga.
Ufunyaniswe ephethe isazisi sikaSibusiso Sithebe owalahlekayo.
Athi amapolisa akuthatha iinkcukacha zeminwe yakhe afumanisa ukuba, yeyendoda eyaswelekayo, emva koko wajulwa evenini.
Wabekwa ityala lokubulala nokuba ngumqobo kwingalo yomthetho.
Oko bethe babanjwa, kuphinde kwavela ulwazi olutsha kwelibali: Ulerato Mahlangu kunye nomfi uSibusiso Sithebe, babeke bathandana kwaye banomntwana kunye.
ULerato washiya uSibusiso Sithebe emva kwexesha, wathandana noSibusiso Mahlangu. Wathi wakutshata uSithebe waqhubeka nobomi bakhe – wathandana nelinye ibhinqa elingu Lerato.
USithebe wahlala noLerato Mphefo, obenabantwana ababini naye ngexesha lokusweleka kwakhe.
Noxa kunjalo, akukho namnye owaxhamlayo kwimali yelifa lakhe ngokusweleka kwakhe phakathi kwabantwana bakhe noLerato Mphefo, kuba wangcwatywa njengomntu wakwa Mahlangu, kwaye kutyholwa ngelithi uLerato Mahlangu waxhamla kwizigidi zeerandi emva kokufaka ibango kwimali yelifa lomngcwabo eyayithathelwe umyeni wakhe.
USibusiso Mhlangu noLerato batyholwa ngokuxhamla ngokungekho mthethweni kukufa kukaSibetha – kodwa ingaba bakwaze njani ukudoja umthetho ixesha elide kangaka, funda isiqendu esilandelayo selibali.
Ufanekiso ongasentla: Umngcwabo wobuxoki kaSibusiso Mahlangu, ohleli ezifihlile kwindawo ethile kulendlu
Imvelaphi ypmfanekiso: Ithunyelwe lusapho