Isibini esifihle iyelenqe lokubulala 

Ngu Everson Luhanga

Ngosuku lwenyibidyala ngonyaka ka2022, kwafunyanwa umzimba kubugoqo bomlilo wendlu eTshwane. 

Elikhaya yayilikhaya lika Sibusiso noLerato Mahlangu, kwaye umzimba owafunyanwayo wawunxibe iringi yomtshato kakaSibusiso. 

yayikhangeleka njengesehlo esicacileyo: uMahlangu watshabalala elilweni. Umngcwabo wakhe wabanjwa kwintsuku ezisibhozo emva kwesehlo.  

Kodwa uMahlangu wayengekho ebhokisini. Wayehamba kunye nezizalwane zakhe ezazize kuzilela ukufa kwakhe. Indoda eyayise bhokisini yayinguSibusiso Sithebe.  

Samsung Galaxy 14G

USibusiso Mahlangu kunye nenkosikazi yakhe uLerato Mahlangu, bebevele ngaphambi kwenkundla kamantyi eSoshanguve ngolwesine betyholwa ngokubulala uSithebe.  

UMzala kaSithebe, uDimakatso Masango uthe kwathi xa kufunyaniswa umzimba, yayiyintloko eyayitshile. Yayiytshe ingasenako nokufaniswa.  

Kutyholwa ngelithi emva kokuba uMahlangu ebulele uSithebe, wakhupha iringi yakhe yomtshato wayifaka kumnwe wexhoba.  

Umakazi kaSithebe uTinny Khumalo, uthe usapho luxhwalekile kukufumanisa ukuba usapho lwakwaMahlangu lwaqhuba umngcwabo omkhulu olahlobo ngomzimba wonyana ka dadewabo .  

“Sifuna ukwazi ukuba ungcwatywe phi uSibusiso ukuze sithathe umzimba wakhe simngcwabe ngendlela efanelekileyo ngokwe siko lakwaSithebe,” utshilo.  

UKhumalo uthe usapho lufuna inkampani yemali yamafa okungcwaba ithathe uxanduva ngokuhlawula izigidi zeerandi, ngepolisi yomngcwabo ethathwe ekufeni kwelungu losapho lwabo.  

UKhumalo uthe ukusebenza kuka Lerato kwinkampani egcina amafa epolisi zokufa kwamvumela ukuba akwazi ukufaka ibango kwipolisi yesiqinisekiso.  

“Ubenalo lonke ulwazi malunga nokufaka umntu kwisiqinisekiso sokufa kwaye esazi nokuba kwenziwa njani ukufaka ibangp. Kwaye oku okwenze ngomzimba womtshana wam.”  

Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa ngaphandle kwenkundla kamantyi eSoshanguve, uLerato Mphefo oliqabane lika Sibusiso Mphefo ongasekhoyo uxelele iScrolla.Africa ukuba into ayifunayo kukungcwaba isithandwa sakhe.  

“Ndiyayazi ukuba bambulele kuba befuna imali. Kodwa kwakutheni bengandinikanga umzimba ukuze ndimngcwabe?” ubuzile. 

“Ndizakuba xelela njani abantwana bakhe ukuba wasweleka njani utata wabo?” 

USibusiso Sithebe ubenguntwana wesithathu kusapho lwabantu abahlanu. Wazalelwa kusapho olukholwayo kwaye wayethanda umculo wokholo. 

Isithethi segunyabantu lezotshutshiso sengingqi uLumka Mahanjana uthe kutyholwa ngokuba uLerato Mahlangu wafumana isatifiketi somgunyathi kwisebe lemicimbi yekhaya.  

Esisibini sizakubuyela kwakhona enkundleni ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga kaCanzibe befaka isicelo sebeyile.  

Funda isiqendu sokuqala, ISIMANGA SENDODA EYAZENZA EFILEYO 

Umfanekiso ngasentla: USibusiso Mahlangu nenkosikazi yakhe uKerato Mahlangu, bevele kwinkundla kamantyi eSoshanguve betyholwa ngokubukaka uSibusiso Sithebe. 

Imvelaphi yomfanekiso: Igunyabantu lezotshutshiso 

Umfanekiso wesibini: ULerato Mphefo (unxibe iqhiya emnyama) ethuthuzelwa ngu Francinah Thosago ngaphandle kwenkundla kamantyi eSoshanguve ngolwesine 

Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga