
Ngu Doreen Mokgolo
Imvumi yomculo wokholo uXZanele “Zaza” Mokhethi izinikele ukuxhonxa amanina aselula aphuhlisa izakhno zawo kumculo wokholo.
Umsitho iWoman in Chronicle uphehlelelwe kunyaka ophelileyo ngenyanga kaTshazimpuzi ngenjingo yokuncedisa amanina aselula afumane uzinzo ngokuncediswa yilemvumi sele iwongwe ngeembasa ezohlukeneyo kumculo wokholo.
Lemvumi iyinzalelwano yaKwaThema ixelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba yathi ukuzibandakanya kwayo necandelo lomculo ineminyaka elishumi elinesibhozo, yayinqwenela umntu onamava owayenokuyithi chuu ngesandla ayibinise indlela yokwenza izinto.
“Ndanyanzeleka ndifiunde indlela ekwenziwa ngayo izinto kunye noshishino lomculo wokholo, eziquka ukuqindisisa izivumelwano ezinokupheisa isakhono semvumi,” utshilo.
Kuleminyaka idlulileyo ubone iimvumi ezinesakhono zilahlekelwa yinto yonke eziyisebenzele nzima ngenxa yokuzibophelela kwizivumelwano ezikholisa bonke abantu ababandakanyekayo ngaphandle kwazo.
“Icandelo lethu longanyelwe ngamadoda, kwaye amanina atsala nzima ukufumana ubume bawo aphele esiba zizisuku zamaxhalanga,” utshilo.
Ngeliphulo ukholelwa ukuba iimvumi ezintsha zomculo wokholo zizakuba nolwazi lokuzikhusela ngcono.
Lemvumi yengoma yodumo ethi “Namhla Nkosi”, isebenza namanina aselula angamashumi amabini anesibini asuka kwiphondo laseMpumalanga, eFree State, eRhawutini, eLimpopo kunye naseMntla Ntshona.
unikezela ngolwazi lwakhe nendlela abona zisenziwa ngayo izinto kwelicandlelo, izivumelwano kunye nezakhono zoshishino.
“Njengemvumi zomculo wokholo silindeleke ukuba siziphathe kwaye sinxibe ngendlela enesidima. Indlela oziohethe ngayo ibaluleke kakhulu ukuba ufuna ukuxhasa kunye nokuthengisa umculo wakho.”
Uzakushicilela icwecwe lakhe esibini iWoman in Chronicle Chapter Two ngqo, kunye nawo onke, lamanina angamshumi amabini anesibini phantsi kwephiko lakhe ngenyanga yeThupha apho bazakube bebonakalisa izakhino zabo kunye netalente eqongeni nakwihlabathi liphela.
UZaza wongeze ngelithi uyazingca ngalamanina aselula akwazileyo ukucela uncedo lwakhe.
“Esi sisqalo sokuphuhlisana kwamanina eminyaka ngahandle kokujonga iminyaka,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Imvumi yomculo wokholo uZanele “Zaza” Mokhethi
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe