IHotele ekumgangatho ophezulu yonakaliswe ngabahlali

Ngu Anita Dangazele

Abahlali basePrudhoe bazenzele kwihotele iFish River resort kweliphondo leMpuma Kapa, batyhuthula oomabonakude, ikhomputha kunye nezinye izixhobo zexabiso.  

Inkundla yokubuyiswa komhlaba yawenza umsebenzi wayo ePrudhoe, ngaphandle kwedolophu yasePort Alfred kwaye abantu abafanelekileyo bawubuyiselwa umhlaba wokhokho babo.  

Kodwa, ikwa ngabahlali basePrudhoe abaxhamla kwingeniso yale hotele abayityhuthulayo kwaphela tu ngexabiso layo lezigidi ngezigidi zeerandi njengoko izinze kumhlaba wabo welifa.  

Ihotele iFish River Resort ekwakufanele ikhulisa uqoqosho lommandla wonxweme lwasePrudhoe, ekwikhilomitha ezimbalwa ukusuka kwidolophu eyintandane kubatyeleli iPort Alfred, yatyhuthulwa ngabantu ababezakuxhamla kwingeniso yayo ngempelaveki.  

Abahlali basePrudhoe, behamba ngezithuthi ezinesikhoji bangena kulehotele baphuma nezitovu, izikhenkcezizi, oomabonakude kunye nezixhobo zobuxhakaxhaka balemihla ezixabisa izigidi ngezigidi zeerandi kwizixhobo zalehotele. 

Kwathatha abahlali basePrudhoe iminyaka efikelele kumashumi amabini anesithathu ukuba bafumane ukungena kulomhlaba bawunikwa yinkundla yamabango omhlaba.  

Kodwa kuthathe iinyanga nje ezimbini ukuba iqela elithile lengxowa mali yabahlali basePrudhoe ukuba bayitshabalalise.  

Lomhlaba ubunayo yonke into ezakuwenza baphumelele; ukufutshane nendawo edume ngothandwa ngabatyeleli iPort Alfred kwaye inehotele eyaziwayo iFish River Resort. 

Bekucetywa ulwakhiwo lomzimveliso wemiboniso bhanyabhanya, kwaye ngaxeshanye abavelisi bakhetha lendawo ukushicilela udederhu lwemiboniso yenkqubo kamabonakude iSurvivor SA.  

Ingeniso evela kule hotele kuphela ibizakibonela abo bafanele kukuxhamla kuyo, ikhuphe abahlali basePrudhoe kwintlupheko nendlala. 

Bekunokuba yintoni enokuhamba ngendlela engafanelekanga? 

Noxa kunjalo, yonke into ihambe ngendlela engafanelekangana. 

Le hotele yawela ezandleni zabahlali basePrudhoe ngenyanga yeSilimela ngonyaka ka2020 emva kwembambano eyafikelela enkundleni phakathi kwabahlali basePridhoe kunye nabaseMazizi. 

Isiqinisekiso somhlaba satshintshwa ngokusemthethweni sabizwa ngabahlali bengxowa mali yasePrudhoe ngomhla wamashumi amabini ananye kweyoKwindla ngonyaka ka2021.  

kwisivumelwano sotyalomali esasiququzelelwa yiLegal Resources Centre, lengxowamali yanika inkampani iMahalaX amalungelo okuba yongamele intsebenzo yale hotele. 

Isithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe olutyhuthulo lwenzeke ngoMgqibelo ilanga lihlabe umhlaba, apho kugqekezwe onke amagumbi. 

“Iindawo yee-ofisi nayo igqekeziwe kwaye zonke iikhomputha kunye nobuxhakaxhaka beprojector zebiwe,” utshilo uKinana. 

“Isithuthi sohlobo lweQuantum sityhuthulwe kwanto inexabiso ngoku ihleli kwesasiza. Umonakalo owenziwe kuquka nezinto ezibiweyo uqikelelwa kwizigidi ngezigidi zeerandi.” 

Ezinye zezinto ezibiweyo zifunyenwe zifihliwe kwihlathi elikufuphi kwaye uFuneka Xawuka oneminyaka engamashumi amabini anethoba, ubanjiwe ngamapolisa emva kokuba efumene umkhondo. Ubevele phambi kwenkundla kamantyi ePeddie ngoLwesibini. Ityala lirhoxiselwe uLwesithathu ukuze kuviwe ngokusemthethweni isicelo sakhe sebheyile. 

Umfanekiso ongasentla: Umgangatho weholete yezigidi gidi zeerandi eyonakalisiweyo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe