
Ngu Zukile Majova
Ohlukene kathathu amaqela emibutho ephikisayo alwela ulawulo lomasipala wesixeko saJo’burg.
Ingomso lolawulo lesisixeko alisaxhomekekanga kumbutho weANC ne DA kuphela. IActionSA ikhokhele igqiza elitsha lemibutho ephikisayo esele yonyule inkokheli yaseRhawutini yeActionSA uFikeni Ngobeni njengomgqatswa.
Oku kuza emva kokuba lombutho uqhekeke kumaqela abesebenzisana neDA.
UNgobeni uthe imibutho ephikisayo yenziwe buthathaka ngumbutho weDA ongakwazi kusebenzisana neminye imibutho.
“Ukungabikho kozinzo kutsha nje kubangelwe ngumbutho weDA ongafuniyo ukuhlangabezana nombutho wePA kwintsebenziswano yethu. Emva koku, njengoko sisiya kwintlanganiso yebhunga, iDA izithathele isigqibo iyodwa ukuba izakufaka umgqatswa wayo ngaphandle kokuthetha thethana namalungu eminye imibutho,” utshilo.
“Ngako ke yingxaki yemibutho yezopolitiko engakwazi kusebenzisana ukuze kufumaneke umbutho ohamba phambili.”
Eliqumrhu litsha lemibutho ephikisayo ekhokhelwe yioActionSA, kunye neIFP, iFF-plis, iACDP kunye neUIM linethemba lokufumana iivoti ezoneleyo ukuze ikwazi ukuphumelela isigaba sokuqala solonyulo kusonyulwa usodolophu.
Isigaba esilandelayo izakuba kukuvotela ukwakhiwa kwesigqeba sika sodolophu, esidinga iivoti ezingaphezu komyinge ka50% yezihlalo zebhunga.
Ngenyanga yoMnga ngonyaka ka2021, uGqr Mpho Phalatse weDA wathatha ulawulo lwesisixeko ngevoti ezazikumyinge wamashumi amabini anesithandathu epesenti, emvakoko wakrweca amaqela azakusebenzisana nawo bamilisela ubudlelwane bentsebenziswano eyathi yalawula esisixeko.
Intsebenziswano yamaqela akhokhelwe ngumbutho weANC neEFF azikavumelani ngomgqatswa ozakuvotelwa njengosodolophu.
Ngoku ndingatsho ukuba ngaphandle kwamathandabuzo iDA inoyena mgqatswa unamandla xa kuthethwa ngoPhalatse.
Umbutho weANC oxhobe ngevoti ezingamashumi amathathu anesithathu epesenti kwibhunga elinezihlalo ezingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe, ungalindela ukuba uPhalatse weDa athathe iintambo zikasodolophu ngolwesihlanu.
UPhalatse ubeke wangena kwezizihangu ngaphambili.
Emva kunyulo loorhulumente basemakhaya, wayekhokhele iqela lemibhutho ephikisayo eyenziwa yiDA, iACtionSA, iIFO, iACDP, iFF-Pkus, kunye nePatriotic Alliance.
Ukuba iDA izibona ifanelekile ukulawula urhulumente wentsebenziswano yemibutho ephikisayo, kufuneka ufunde ukusebenzisana ngcono neminye imibutho.