
Usaziwayo ongumdlali weqonga odumileyo uSimphiwe Ngema, ude waphalaza imbilini yakhe exela isizathu sokutyelela uThabo Bester entolongweni.
UBester, sisidlwengu esagwetywayo kwaye ngumbulali, owaqhatha uNgema kunye nabanye osaziwayo ngokuzenza “uTK Motsepe”, onesakhono kwicandelo lokuququzelela imicimbi.
UNgema uthethe kumaqonga ezonxibelelwano, ngoLwesithathu echaza icala lakhe kwelibali, ediza nokuba kwakutheni ze atyelele uBester entolongweni ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2018.
“Wayekhangeleka engumntu oqhakamshelene nabantu abaninzi kwaye ekwazi ukuququzelela iintlanganiso kunye nemisitho emikhulu apho mna nabanye osaziwayo sasimenyiwe ukuba sibe yinxalenye yayo,” utshilo uNgema kwimbalelwano asele eyisusile kulamakhasi.
“Kude kubenamhlanje zange ndihlawulwe kweminye yalemisitho.”
UNgema, othe wayengenalwazi lweziganeko zikaBester zolwaphulo mthetho, ubanga ngelithi waya kanye kuphela entolongweni kuba wayeyekufuna iimpendulo kwaye unawo amaxwebhu obungqina abonakalisa oku. Noxa kunjalo, elixesha lobunzima empilweni yakhe livuselele ukuthetha okumandla kumajelo eendaba.
“Bendisoloko ndithetha ngayo yonke into kubantu abenza uphando, kwaye akukhonto ndizakuyifihla,” utshilo uNgema.
“Andizange ndiye phaya amaxesha amaninzi, kwaye azange ndibe ngumntu wokugqibela ukumtyelela ngaphambi kokuqhwesha kwakhe.”
Oku kube yeyonanto yothusayo ibangela uloyiko kwicandelo lezolonwabo, uninzi lubuza ukuba kwenzeke njani uBester wakwazi ukukhohlisa abantu abaninzi kangaka abakwizikhundla eziphezulu ixesha elide kangaka.
UBester ogwetywe iminyaka engamashumi amabini ngokudlwengula nokuphanga, waqhwesha ngendlela engakholelekiyo eziseleni ngonyaka ka2020 kwaye ubanjwe kutshanje eTanzania.
Iqulunqwe yintatheli yelijelo
Umfanekiso ongasentla: NguSimphiwe Ngema
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter