Liyakhula iphulo elimemelela umdlali weqonga kubunkokheli beNFP! 

Ngu Celani Sikhakhane

UGugu Gumede odlala indawo kamaMlambo kumboniso kamabonakude uZalo,nguye ohamba phambili kwizimemelelo zesikhundla sobunkokheli kumbutho iNFP. 

Usaziwayo odlala kumboniso weqonga lakwaSABC uGugu Gumede kubonakala ngathi nguye ozakuthatha isikhundla sokuba ngumongameli olandelayo weNational Freedom Party.  

Kumakhasi ezonxibelelwano ohlukeneyo liya ngokomelela nangakumbi kuleveki iphulo likaGumede, owaziwa ngo”maMlambo” kumboniso kamabonakude Uzalo. 

UGumede yintombi yalowo ungasekhoyo uZanele kaMagwaza-Msibi, owayeyinkokheli eyaseka umbutho iNational Freedom Party (NFP). 

Lo mbutho wasekwa ngenyanga yoMdumba ngonyaka ka2011 emva kokushiya kukaMagwaza-Msibi kumbutho weIFP kuba ohlulekile ukuthatha intambo zolawulo lwalombutho kwinkokheli yawo uMangosuthu Buthelezi.  

UGumede uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akakakrwecwa kwaye akakasenzi isigqibo sakhe malunga nesikhundla sokuba yinkokheli yalombutho. 

Ngexesha lomngcwabo kamama wakhe ongasekhoyo ngonyaka ka2021, uGumede waxelela amalungu eNFP ukuba ilungu ngalinye linoxanduva lokuqinisekisa ukuba iNFP ayisweleki nokaMagwaza-Msibi. 

“Ndichukumiseke ngendlela emangalisayo kukuba abalandeli bombutho weNFP bandibona ndifanelekile ukuba bandilandele ndingene kwizihlangu ezikhulu oluhlobo. Nangona ndihleli ndililungu elithembakeleyo kumbutho weNFP, akukhomntu sele ezile kum ngokusemthethweni, kwaye nam andikayithatheli ngqalelo lento,” utshilo uGumede. 

Lombuthi usajamelene nemicelimingeni yendleko zomthetho ngokusilela ukuhlawula imali eqikelelwa kwishumi elinesibini lezigidi zeerandi, leyo yimali eliyityala oosomashishini. 

UGumede lithemba labalandeli lokuba uzakuvuselela lombutho awuthathe awuse kulonyulo lonyaka ka2024. 

INFP yabangumbutho oweza notshintsho kwezopolitiko ngonyaka ka2011, ngokwenza ubudlelwane bentsebenziswano nombutho weANC, wakwazi ukunciphiswa ulawulo lombutho weIFP kurhulumente welaphondo komasipala ababini kuphela kwiphondo laseKZN.  

Unobhala wombutho weNFP uCanaan Mdletshe uthe inkomfa yonyulo yalombutho izakuhlala kulonyaka.  

Ufanekiso ongasentla: Umboniso kaGugu Gumede osetyenziswa kwiphulo likamongameli weNFP 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook