Inqaku lika Ramoto liyihlangule iOrlando Pirates 

Ngu Micheal Madyira

IOrlando Pirates idlale ngamathuba kumdlalo wangoLwesithathu phakathi kwayo neqela iRoyal AM. IPirates ibisethubeni elihle lokuphucula amanqaku ekhokhele ngawo, njengoko ihleli kwindawo yesibini kuluhlu lwamaqela adlala kwiPremier Soccer League, emva kokudlala ngokulinganayo neRoyal AM. 

URelebohile Ratomo oneminyaka elishumi elinesixhenxe, ubedlala okokuqala kwiPSL kwaye ukwazile ukunyanzelisa uElias Pelembe ukuba afake inqaku kumnatha weqela lakhe ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu, ngaphambi kokuba umdlali ongene endaweni yomnye uMenzi Masuku afake inqaku lokulinganisa ngakwiqela lakhe ngaphambi kokuba kuphele umdlalo.  

Ibingumdlalo wokuqala kwimidlalo esixhenxe apho iOrlando Pirates ihlileyo ngamanqaku ewafumanayo, kodwa basahleli kwindawo yesibini kwilog.  

Iqela lamaBuccaneer lidlale ngethuba lokuba lihambe phambili ngamanqaku amane lishiya iqela lesithathu kwilog iSuperSport United, elibanike umtyhi wokuphefumla emva kokubuya neqanda macula kumdlalo walo neStellenbosch ngoLwesibini.  

Samsung Galaxy 14G

Iqela leRoyal AM lizakubuyela kwiphondo laKwaZulu-Natal lonwabile kuba lingenile kuluhlu lwamaqela asibhozo aphambili emva kokufumana inqaku elinye kuhambo lwabo.  

Ngelixa iOrlando Pirates ilindeleke ukuba idlale ne Kaizer Chiefs  ngoMgqibelo, umqeqeshi uJose Riveiro ukhethe ukuba baphumle abanye babadlali bakhe abasemfuthweni abafana noMonnapule Saleng, uTerrence Dzvukamanja, uTapelo Xoki kunye noThabang Monare. 

Ibesisigqibo esihlakaniphileyo esenziwe ngulomqeqeshi waseSpain ngokuba anike uRatomo umdlalo wakhe wokuqala wesakhono kumdlalo obaluleke oluhlobo.  

Kwimizuzu elishumi elinesithandathu iPirates ifumene amathuba amabini alandeleleneyo ngokukhawuleza, elokuqala lizengonyawo luka Deon Hotto okhuthule iCrossbar kuba ekhethe ukukhaba ngamandla endaweni yokuba acoselele ibhola.  

Kwimizuzwana emva koku, uJabulani Ncobeni ubonakalise ukuvala okumandla njengoko evale ibhola kaKermit Erusmus ngokuvala ngomzimba wakhe ukuba elinqaku ingawuboni umanatha. 

Abatyeleli khange balihluphe kangako iqela leOrlando Pirates, elibangele ukuba uRatomo ohluleke ukugqibezela ibhola ayifake emnatheni njengoko ekhethe ukuyidlulisa nangona ubekufutshane nepali.  

Ukanti nangona uThwihli Thwahla ekwazile ukumelana noxinizelelo kwade kwafikelela kwisigaba sokuphela kwesiqingatha sokuqala, iPirates ifumane ukubona umnatha kwimizuzu elishumi elinanye siqalile isiqingatha sesibini salomdlalo.  

Ibhola ebikhatywe ngamandla nguRatomo ibifanelekile ukuba uwugqobhoze umnantha emva kokutshintsha indelela eyengayo epalini emva kokudibana nonyawo luka Pelembe yayakuhlala emnatheni.  

Kuthe kusele imizuzu nje elishumi elinesixhenxe uphele umdlalo, iRoyal AM yazama ukubuyisa izitya ngethuba uMfundo vilakazi enyanzelisa unozinti weOrlando Pirates uSipho Chaine ukuba achithe ibhola yakhe.  

Lomdlalo ubonakele ukuba uzakuphela elingana amaqela ngamanqaku, kodwa uMasuku ulohlwayile iqela awayesakuba ngumdlali walo, njengoko efumene ibhola yasimahla ukuba ayifake ngentloko esebhokisini nto leyo inike inqaku iqela leRoyal AM.  

Umfanekiso ongasentla: URelebohile Ratomo uzama ukudlula kwigqala lomdlali ovalayo uHappy Jele 

Imvelaphi yomfanekiso: Liqela leOrlando Pirates